Jump to content

Imfihlo yeHlathi lase Wilo

Livela

Kwahlala kwayintsomi. Kudala kwakukho ihlathi elikhulu elimnyama kwisithili sase Mqanduli, eli hlathi[1] lalibizwa ngokuba lihlathi lase Wilo, lalijikelezwe ziintsomi ezoyikekayo kuthiwa kusasa luxolo, kodwa ebusuku livuka lihambe, lithethe, kwaye lithetha nokufuna ukutya okuthile "intlonipho." Abantu basekuhlaleni babekholelwa ukuba eli hlathi lilawulwa yinkosi yase Wilo, umoya owawudlula ezizukulwaneni, ukhusele iindidi zezilwanyana, imithi emikhulu, kunye neempawu ezinqabileyo zendalo. Kwakungekho bani ovumelekileyo ukungena ehlathini ngaphandle kwemvume okanye isizathu esibalulekileyo.

Ngonyaka othile, kwavela inkwenkwana encinanane egama lingu Mzukisi, oyedwa nowayengumqeqeshi wemvelo. Wayemangaliswa yindlela imithi ithandana ngayo nomoya nendlela amahlathi ebhalela imfihlo emithini, nangona uluntu laluloyika eli hlathi, uMzukisi wakholelwa ukuba kufuneka aqonde ukuba kutheni. Ngobusuku obubandayo, emva kokuphupha ugogo wakhe owayeswele, uMzukisi wagqiba ekubeni angene ehlathini . Wayenesikhwama esinezikhumbuzo zakudala ezifana ne mbewu yomdabu, iqokobhe lamanzi asikelelweyo, kunye nentliziyo engenalo uloyiko.

Eli hlathi lamyekela izandi ezazisiyinkcenkcezo yeentaka ezingaziwayo, izithunzela zemithi zamahala amagama asemoyeni, uMzukisi wahamba de wafika embindini wehlathi apho kwakuhlala khona inkosi yase Wilo. Yayiyimfakamfele enkulu, enemithi emileyo njengesithsaba kunye namehlo aqaqambayo. Inkosi yambuza uMzukisi "kutheni uze kum, ungumntwana ungenamandla?" UMzukisi waphendula ngesibindi "Ndifuna ukufunda kuwe, ndifuna ukubuyisa untlonipho kwindalo, kuba abantu bayayilibala." Inkosi yase Wilo yamvavanya ngezilingo ezintathu:

  1. uvavanyo lobubele- wayalela uMzukisi ukuba ahlangule umntwana wempungutye oguqileyo.
  2. Uvavanyo lokhuseleko- wacela ukuba alinde iqanda lentaka engcwele de liqanduselwe,ngaphandle kokulikhathaza.
  3. Uvavanyo lonyamezelo- wathunywa ukuba achithe ubusuku bonke ekhangela inyembezi yomthi.

UMzukisi waphumelela kuzo zonke, inkosi yase Wilo yamnika isipho, ilizwi lemithi wayesakuba nguye kuphela owayenako ukuva nokuthetha nendalo.

Ukususela ngaloo mini, ihlathi lase Wilo laphenduka indawo yokufundisa ulutsha, indawo yokundisa ulutsha indawo yokuphilisa nendawo yokunxibelelana nomoya wabasezweni lenyama kunye nabasezweni lo moya.

Yaphela intsomi

  1. https://www.britannica.com/science/forest