Imbeleko

Livela

Imbeleko lisiko elithi lenziwe kwaXhosa ngenjongo zokwamkela umntwana kusapho . Aye athethe amaxhego namaxhagwazana bathi 'bamazisa kwizinyanya ukuze zimkhusele ezintweni ezimdaka nezingalunganga'. Xa lisenziwa ke elisiko kuye kuxhelwe ibhokhwe emhlophhe ebonisayo ukuba umntwana akanazono, usasandokuzalwa kuphekwe,kwenziwe notywala besixhosa umqombothi ke ukutsho . Umntwana lowo ke wenzelwayo uye aqatywe umhlaba obomvu (imbola) oxutywe namanzi kusikwe nenqatha lebhokwe lenziwe into eyineklesi ifakwe lembola yakhe ke nalo elo nqatha lijike libebomvu kusikwe nase sikhumbeni sebhokhwe leyo yakhe indawana encinci yenziwe ibhengile afakwe apha esihlahleni sakhe. Emva koko kuye kubekhona inyama ayityiswa yedwa ingavuthwanga (umkhono walobhokwe) kuthiwa uyashwama umntwana, ushwamela esithebeni sehlahla lomnquma, ushwama nomama lo amfukameyo. Abantu abangeka yenzelwa imbeleko abashwami kulamkhono. Elisiko alenziwa ngokufana kuye kohluke amakhaya neziduko, umzekelo ezinye iziduko zenza imbeleko nge nkomo. Elinye igama lembeleko kuthiwa ngumqabo.

Maxa wambi ubulunga okanye ke lebhengile okanye le necklace kuthethwa ngayo apha iphelekwa yintsimbi enxitywa apha esihlahleni ekuthiwa licamagu. Kweminye imizi ke umntwana xa athe wanxitywa icamagu akalufaki ufele esihlahleni Kokomo unxityiswa nje ubulunga apha emqaleni.


Imbeleko lufele lwesilwanyana esasithi sixhelwe xakuthe kwazalwa usana kwelosapho luthile. Olufele lwalulungiselela ukuba usana olo luzelweyo lubenengubo yokombatha okanye ibhayi lokuba unina alubeleke. Isizathu sokulilungiselela olufele usana yayikukuba kwakungekho zingubo kungekho mabhayi okubeleka umntwana, yiyo lonto olufele lwalubizwa ngokuba yimbeleko. khawuthi xhaa kancinane ucinge ukuba ithetha ukuthini intetho yesixhosa ethi "akulahlwa mbeleko ngakufelwa". Ngenxa yokuba esisenzo sifana nezenzo zamasiko ngokuthi kuphalazwe igazi lesilwanyana,kwaathi ke ekuhambeni kwexesha isenziwa lento kwade kwalahleka isizathu nonobangela wokwenziwa kwayo de abanye bayenza isiko, ibe ingelosiko yona. Kangangokuba yeenziwa isiko ngabanye, ude ayenzelwe umntwana nokuba sele edlule kwilixa lokubelekwa.