Jump to content

Imbali yamaNgxabane

Livela
Lo ngumfanekiso weekumkani zamaMpondomise, afumaneka phantsi kwawo amaNgxabane

Imbali yamaNgxabane: AmaNgxabane sisizwana samaMpondomise esasisuka ngaseThina. Afuduswa nguMhlontlo wawabeka eNgwemnyama kuQumbu. Ngoko ke kwakungexesha leemfazwe, ewabekela ukuba agade amaMpondo aseLibode angezi kungena emaMpondomiseni. La maNgxabane ndiza kuthetha ngawo ngalawo afumaneka kwezi lali zezi dolophu zombindi owawufudula uyiTranskayi:

ELIBODE: Mhlanganiso, Zinkumbini, Thembeni, Coza, Ntlaza, Sibangweni, Makhotyana, Rennie;

KUQUMBU: Ngwemnyama (eLalini naseMncetyana), Gandana, Lothana;

KUTSOLO: Mjika, Goqwana;

KUNTABANKULU: Mphitshini.

Ngale mbali ke ndizama ukuphendula umbuzo obuhleli uzinga engqondweni yam, mhlawumbi nakwezabanye abantu othi: UJOLA lo noNGXABANE badibana ze bohluke ndawoni?[1]

Izibongo zamaNgxabane

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Nazi izibongo zeziduko zamaNgxabane: Ngxabane, Meyiwa, Rhibela, Bhaba nomhlehlo, Tyotshana, Mdatshi, Bhodi kaNcokazi, Nontwenja yinkongolo, Amathol’omThwakazi, amaMpondomise omthonyama nozwane, Iziziba zeTsitsa zingenwa ngugqoloma weTsitsa neChulunca kuphela, ooMbambo zakheke njengezentaka. Bebal’iinkomo nje thina sibal’iinkwenkwezi[2]

  1. Madolo, Yolisa (09 July 2026) NguNgxabane okanye uJola? Incwadi esisiqalo somnombo wamaNgxabane [Is it Ngxabane or Jola? The first issue of the Ngxabane lineage] (in IsiXhosa) (2nd ed.) South African Library of South Africa: Yolisa Madolo (published 2020) pp. cover page and 1 ISBN 0-620-33549-1
  2. "Ngxabane Archives" iAfrika - isiXhosa (in en-ZA) archived from the original on 2026-07-13 retrieved 2026-07-09