Ilungu:ZazaLibrarian/Amathala eencwadi eYunivesithi yaseKapa
Amathala eencwadi eYunivesithi yaseKapa (amaThala eencwadi e-UCT) yinkqubo yethala leencwadi yeYunivesithi eKapa, eMzantsi Afrika .
Malunga nomthamo onesigidi esi-1.2 kunye nangaphezulu kwe-100,500 woshicilelo lwejenali ezirhunyelweyo ezifumanekayo kulamathala. Uphando -lwe Africana lufumaneka kwi Candelo leeNgqokelela eziKhethekileyo gxebe Special Collection. Kwaye luqulathe iimonographs ezininzi, iiperiodicals, i-ephemera kunye nemithombo yemultimedia. [1]
Lamathala eencwadi aqulathe amacandelo abalaseleyo kwizifundo eziquka Izifundo zaseAfrika, ezoRhwebo, iZiko loPhuhliso lweMfundo ePhakamileyo, ezoBunjineli kunye ne Ukhwakhiwa Kwendalalo, Amanqaku apapashiweyo ka Rhulumente , Ezemplilo ezo Buntu, eZomthetho neze Nzululwazi .
Amathala eencwadi
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Kananjalo lamathala eencwadi ase-UCT anamasebe asibhozo afumaneka kwiikhampasi ezahlukeneyo zase-UCT. Ithala leeNcwadi i Chancellelor Oppenheimer, laziwa ngokuba yhi "Main Library", ekumbindi ophezulu wekhampasi yase-UCT. Elithala linikezela ngenkonzo kuma masebe ezifundo, ezinjenge Science , Engineering, Cormmerce, Humanities kunye neZiko loPhuhliso lweMfundo ePhakamileyo. Amathala eencwadi amasebe ezifundo, ngezifundo afunyanwa kufutshane namaziko anikezela ngenkonzo kuwo.
- Ithala leencwadi leNgqonyela i-Oppenheimer
- Ithala leencwadi laseBolus Herbarium
- Ithala leencwadi Built Environment
- Bongani Mayosi Health Sciences Library
- Ithala leencwadi laseHiddingh Hall
- Iziko leThala leeNcwadi leMpilo yaBantwana
- Ithala lencwadi Zomthetho Brand van Zyl Law Library
- Ithala lencwadi Zomculo WH Bell Music Library
Imbali
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Abaseki beKholeji yoMzantsi Afrika yethala leencwadi lekholeji labafundi babo ngo-1829. [2] Ukusekwa kwethala leencwadi lekholeji kwenzeke ngeminikelo evela kubahlali baseKapa kunye nabantu abadumileyo kuluntu lwelo xesha.
Unjingalwazi WS Logeman, isazngeelwimi ezininzi kwiKholeji yoMzantsi Afrika ngoko (SAC) wayengumseki wento eyaba liThala leencwadi leYunivesithi. [3] Ukususela ngo-1905 ukuya ku-1920, uLogeman waqeshwa njengoNoncwadi oHloniphekileyo waza waba ngusihlalo wokuqala weThala leeNcwadi leYunivesithi. [3] [4] Ukukhumbula igalelo lakhe ekusekweni kwenkqubo yethala leencwadi yeyunivesithi, iLogeman Reading Room ngaphakathi kweThala leencwadi laseHiddingh Hall yasekwa ngo-1967. [3]
- ↑ "About the Libraries | Libraries" www.lib.uct.ac.za (in English) retrieved 2018-10-12
- ↑ "The History of UCT Libraries · Our Story · Ibali" ibali.uct.ac.za (in en-US) retrieved 2022-02-18
- 1 2 3 Phillips, Howard (1993) University of Cape Town 1918-1949: The Formative Years Cape Town: UCT in association with the UCT Press ISBN 9780799214994
- ↑ "History of UCT Libraries" University of Cape Town retrieved 19 July 2014