Ilungu:Tyhala
UYamkela Mbele wazalwa nge “21 August 1999”. Ezalwa ngu Nolungisa Prudence Lumka Mbele ezalelwa kwisithili sase Mbizana kwilali yaku Nomlacu. Ukhuliswe ngu Ninakhulu wakhe uMandayini, njengoko engumntwana wentombazana eyamzalela ekhaya. Ikhaya lakhe apho kuzalwa khona utata wakhe lise Harding kwilali yakwaJali eSikhulu. Utata wakhe ngu Siyabonga Bhaina Jali ongumninawe kaMakhenikha Bathwell Jali abazalwa babobabini amakhwenkwe kubazali babo. Kuba amantombazana wona ayi4 kube sisifana esibini.
UYamkela yena ukhulele kulo Nina kuNomlacu ebizwa ngo Yandisa boogxa bakhe kanye nabantu benginqi yakhe. Ufunde iKretshi eZamokuhle Pre-school esecaleni kwakowabo, eyayisaphethwe ngu Miss Mkono oyena wayengumsunguli wayo noMrs Mtshiza.
Ubeqeqeshwa ngu Mrs Xolo no Mrs Spelman kwezokufunda ukuthetha. Umama wakhe watshona ngonyaka ka 2003 waze utata wakhe watshona ngo 2007 ukhule phakathi kobunzithinzithi bokungabi nabazali. Kodwa loo nto ayizange ihlale kuye engqondweni kuba uMakhulu wakhe wayesivalile isikhala sokungabi nabazali emenzela zonke izidingo zakhe. Ugraduate ngo 2005 eKretshi, waze wayokuqala amabanga akhe aphantsi ngonyaka olandelayo eZamokuhle Junior Secondary School esasikude kufuphi nekhaya. Ufunde khona wade wayokuphuma kwa grade 9 engazange waba ngumntwana ohluphayo. Uphume ngo 2015 eZamokuhle kwaye ukuhamba kwakhe kwashiya isikolo sixokozela kuba waye ngumntwana onezakhono ezininzi, xa ndibalula ndingabala ukubaleka ukudlala ibhola kanye nobuciko kwezolwimi kodwa eyona nto wayegqwese ngayo kakhulu kukuba yinjuze.
Emveni kokufunda eZamokuhle uye wayokufunda eMzamba Comprehensive High School ngonyaka ka 2016 apho aye waziveza kanga ngoko ukuba ungumntu onesakhono, kuba ufike wagqama kakhulu kwicala lokuba yimbongi. Ubeyimbongi eyaziwayo ekwayinjuze edumileyo kwi District yase Alfred Nzo kuba wayengenantanga Xa kubalekwa ezikolweni. Kwa ngawo loo nyaka ungenele Indoni Culture School Camp eyayibanjwe eForthare College eyayiphantsi kuka Mama uJwaai notata uVazi kwisebe lezemfundo lase Mpumakoloni. Owayesakuba yi Campion ngelo xesha u Mama uZovuyo Myendeki wase Maclear ngomnye wabafundisi-ntsapho ababe lapho.
Ngaphambi kokuba kuphele iCamp, Indoni yaye yenza ukhuphiswano lomlisela nomthinjana, kwisizwe ngasinye sibe nabantwana esibakhethileyo abazakumelela eso sizwe kolo khuphiswano. Kodwa ke isizwe ngasinye sasikhuphisana sodwa ukunzwela kukhethwe umntwana omnye ozakuwongwa kuthiwe yindoni yeso sizwe ngokwehlukana kwisini njengoko kwakukho umlisela nomthinjana. UYamkela Mbele wazibona engomnye wabantu abakhethiweyo abazakumelela isizwe sabo kwaye wawongwa ngokuba yiKumkani YamaMpondo ka 2016 kunye neKumkanikazi uAfika Mkhonza abona bathi bagqesha kukhuphiswano, bezakubuye bayokhuphisana nezinye iintlanga zase Mzantsi Afrika eThekwini. Kulo Camp yayibanjwe eForthare College kwakukho iintlanga ezintathu AmaXhosa, AbaThembu, kunye namMpondo.
Abanye babantu abaphumelelayo kukhuphiswano kumaXhosa yabangu Sinalo Dada (Ikumkanikazi) noBulelani Ntoni (Ikumkani) bona AbaThembu yabangu Kagiso Ndima (Ikumkanikazi) noAthi Jack (Ikumkani).
Kwa ngo nyaka ka2016 uYamkela waye perform kwi Qonga lase Durban ICC emelele isizwe samaMpondo ekhuphisana nazo zonke iizizwe zase Mzantsi Afrika.
Kuthe ngo nyaka ka 2017 waqeqesha uLunga Mkokelwa naye owaye waphumelele kwi Camp eyayibanjwe eBhayi eTinarha. Kuthe emveni koko wadibana nompondozihlanjiwe uRay-M Mhlongo owayesaziwa ngo Olwethu Nompentshu, bedibana eMatatiele kwi Auditions ze National Art Festival in Grahamstown baze baqala ubuhlobo ngalo nyaka, badeske baqulunqa iqela leembongi elithi "IZICAKA ZOMBONGO KANTU” emveni kokuba benze Collaboration kwi Event ka Ray-M Imbongi baye bazibona ukuba kulula ukuba basebenzisane. Kwanga Loo nyaka okaMbele waphumelela unamba 1 kwi Writers Explosion apho wazibetha zonke iimbongi zase AfredNzo. Kulapho baqala khona ukusebenzisana.
UYamkela Mbele ubenegama lobumbongi ngo 2017 owalithiwa zizinyanya zange elele elithi Tyhala Ngesihobe Imbongi waze watha uRay-M igama elithi Ichiza Lesihobe, watha uLunga Mkokelwa igama elithi Gqum'emgqubeni, Athi Lubhelwana Intsengwanekazi Yomzila, Blessed Xakath'indyebo, Luyanda Mabhiza Dingalamanyange, nabanye....