Jump to content

Ilungu:Onblack206/Draft 2

Ukubaluleka kweBhokhwe kumzo'ntsundu

IBHOKHWE

lo ngumfanekiso weBhokhwe

iBhokhwe sisilwanyana sasekhaya esinempondo ezimbini noboya esihlala ebuhlanti. olu hlobo lwesilwanyana lusondele kwisilwanyana ekuthiwa yiGusha. olu hlobo lwesilwanyana lunegalelo elikhulu ebantwini, umzekelo abanye abantu kwayifuna kuba ineNyama emnandi, uBisi, isikhumba saso esikwazi ukwenza izinto ezininzi eziquka impahla, imihlobiso. kwabanye abantu abaninzi iBhokhwe ibabuleke ngaphezulu kwenyama yayo umzekelo amaXhosa, amaMpondo nabanye basebenzisa iBhokhwe ukuxhumana nezinyanya zabo. igazi le Bhokhwe liba ngumnika yokuxhumana nezinyanya umntu xa ebulela, ecela, esazisa izinyanya ngalomba othile, umzekelo imbeleko, xa umntwana engeniswa ebudodeni nezinye izizathu.

isilwanyana sasekhaya iBhokwe sifumaneka kuwo onke amazwekazi, ubuninzi bazo buqikelelwa malunga ne-1 ibhiliyoni [1] . iBhokhwe ziqhele okanye zifunde ukuhlala entlango, ezintabeni, kunye nakwiindawo ezishushu apho ezinye izilwanyana ezingakwaziyo ukuhlala khona [1]. isinyanya sesilwanyana sasekhaya iBhokhwe sibizwa ngokuba yiBezoars kunokwenzeka ukuba kukho omnye umxube wezilwanyana zasendle. esi silwanyana asinabungozi, sidlamkile kwaye siphila ngenca namanzi kuphela.kukho ubungqina obubonisa ukuba iiBhokhwe ngenene zisuka kwisinyanya iBezoars, ezazikade zithathwa njengezilwanyana zasekhaya eFertile Crescent 10 000 YBP[2] [3].

  1. 1 2 Amills, M.; Capote, J.; Tosser‐Klopp, G. (2017-12) "Goat domestication and breeding: a jigsaw of historical, biological and molecular data with missing pieces" Animal Genetics (in English) 48 (6): 631–644 ISSN 0268-9146 doi:10.1111/age.12598
  2. ↑ Zeder, Melinda A.; Hesse, Brian (2000-03-24) "The Initial Domestication of Goats (Capra hircus) in the Zagros Mountains 10,000 Years Ago" Science 287 (5461): 2254–2257 doi:10.1126/science.287.5461.2254
  3. ↑ Naderi, Saeid; Rezaei, Hamid-Reza; Taberlet, Pierre; Zundel, Stéphanie; Rafat, Seyed-Abbas; Naghash, Hamid-Reza; El-Barody, Mohamed A. A.; Ertugrul, Okan; Pompanon, François; Consortium, for the Econogene (2007 Okt 10) "Large-Scale Mitochondrial DNA Analysis of the Domestic Goat Reveals Six Haplogroups with High Diversity" PLOS ONE (in English) 2 (10): e1012 ISSN 1932-6203 PMC 1995761 PMID 17925860 doi:10.1371/journal.pone.0001012