Jump to content

Ilungu:Mthobeli Zibula Mankayi

Livela

Bhotani ekhaya Lo nguMthobeli kaMankayi uZibula okumnomno kaMankayi kwelo laseGcuwa. Uzalwa nguMthuthuzeli kaTshaba kaMbangi kaMchintsi kaMankayi kaMvelo kaZibula. Lo kaMankayi uluthanda kakhulu ulwimi lwesiXhosa, ukhe waluhlohla kumabakala aphezulu esikolweni de waba yiNtloko yeCandelo. Sithetha nje ungumhlohli kwiYunivesithi yezobuchwepheshe yosingasiqithi weKapa, CPUT ngelamakhumsha. Sithetha nje uthe gabhu kwizifundo zobugqirhalwazi kolu lwimi kulaYunivesithi yeNtshona Koloni phantsi kwemakhankatha akhe uGqr. Loyiso Mletshe kunye noNjingalwazi Russell Kaschula.