Ilungu:IsiXhosa1823
Appearance
Monicca Thulisile Bhuda ngumhlohli kwiYunivesithi yaseMpumalanga apho ahlohla khona Ulwazi Lweemveli kulwimi lwesiNdebele. Le ngcali ifunde izifundo zayo zesiDanga soLwazi lweeMveli (Bachelor of Indigenous Knowledge System). Uye wenza izifundo zeMastazi kwakunye nesidanga sobuGqirhalwazi kwakuLwazi lweeMveli, kwiYunivesithi iMntla Ntshona. UBhuda ngumntu wokuqala kwizwekazi iAfrika ukuba nesidanga seMastazi kwakunye nesobuGqirhalwazi kuLwazi lweeMveli nangona bebaninzi abantu ababhalileyo ngolwazi lweemveli kodwa banqabile abo banezidanga zelicandelo lobunzululwazi. Le ngcali ikhuphe inyambalala yamaphepha kwijenali ezahlukeneyo ephakamisa ulwazi lwemveli.