Ilungu:Amelia Mskingaunt/Ilungu:Amelia Mskingaunt/Ilungu:Amelia Mskingaunt/Page
Eli liphepha lam lokuhlela
---
Original page: Umbhaco
---

Umbhaco sisinxibo sakwaXhosa esasinxitywa yonke imihla ngabantu bakwaNtu ngeminyaka yenkulungwane yamashumi amabini. Eligama lithi umbhaco lichaza ukufihla oku kubhekisa kubantu bakwaXhosa (amaBhaca)[1] abahamba bayokufuna ikhusi ngenxa yempi. Mandulo phaya, abaNtu[2] babenxiba izikhumba zezilwanyana ukugquma ubuze babo. Kuthe kusofika oondlebe-zikhanya ilanga kweli lase Mzantsi Afrika sathuthukela kwi khothoni, esithe sayihombisa ngamaso nange pateni(ezi uye uzibone kooronta xa bebhandiwe, sazifaka kwimibhaco yethu) ukuze sikwazi ukuzibona ubuthina kwinguquko, yiyolonto namhlanje ufumanisa ukuba sihomba ngemibhaco asisazinxibi izikhumba. Umbhaco sele uthuthuke kakhulu, awuseyiyo indlela yokunxiba rhoqo, ujike waluhombo olunxitywa kuphela xa kukho imicimbi okanye imisebenzi kumakhaya wethu. Namhlanje imibhaco ide yangena nakwi ndlela ekunxitywa ngayo ngoku "fashion", kwaye imathiriyeli itshintshile ayiseyiyo ikhothoni ngoku, seyiyi nayiloni.
Imbali
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]AmaXhosa' (isiNgesi: Xhosa people) — AmaXhosa liqela labantu baseMzantsi Afrika elifumaneka eMpuma Koloni. Aba ngabantu bamasiko nezithethe. Bohlulwe ngokweziduko (Clan names) kunye nezizwe ezahlukeneyo. Izizwe abohlulwe ngazo ngamaGcaleka, amaRharhabe, imiDange kunye namaNdlambe. Kukho nezinye izizwe ezifumaneka kumaXhosa ezo ngabaThembu, amaBhaca abakoBhosha kunye namaMpondo.
Igama elithi isiXhosa okanye igama lamaXhosa lithathwe kwiKumkani yamaXhosa eyayibizwa ngokuba nguXhosa. Yona eligama yaliphiwa ngaBathwa (Khoekhoe) ababesaziwa njengabantu bokuqala kwelase Ntshona Koloni. Ngokolwimi laBathwa eligama lithetha ubungqongqo, umsindo ubundlobongela kunye nokucaphuka. Emva kokuthiywa kukaKumkani uXhosa kwatsho kwakho iqela labantu elibizwa ngamaXhosa kwaye elithetha isiXhosa. Maninzi amasiko enziwayo kwaXhosa aquka ukuqaba, AmaXhosa intonjane kunye nokwaluka njengekqubo ebonisa ukukhula kwenkwenkwana nganye.
Iimbekisel0
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]- ↑ Makaula, A. M. (1988). A political history of the Bhacas from earliest times to 1910 (Doctoral dissertation, Rhodes University).
- ↑ Phillips, Frederick B. (1990-11-01) "NTU Psychotherapy: An Afrocentric Approach" Journal of Black Psychology (in English) 17 (1): 55–74 ISSN 0095-7984 doi:10.1177/00957984900171005