Iindlela yokuphila

Livela

Imbali Ngendlela Yokuphila kwaXhosa eMandulo

Ukucelwa Kwentombi Ukutshata kwentombi emandulo yayinto enkulu kakhulu kwaXhosa ngoba kwakukholelwa ekubeni kuzoza iinkomo ezizokhulisa ubuhlanti/ isibaya sika Yise wakhe. Amantombi ase madulo ke aye khuthazwa ukuba azigcinele umtshato, yayisithi intombi itshata ibe igazanga yadibana nandoda, lonto yayisenza abazali babenegugu ngayo kwaye izisa nemincili kweli- khaya azokwendela kulo. Umfana ke wayengaziboneli ngokwakhe intombi kodwa wayebonelwa ngabazali bakhe, izinto ezazijongwa entombini ke yayingebo- buhle bentombi okanye ukumila kakhuhle kwakhe kodwa kwakujongwa isimilo sakhe, ukukhuthala kwakhe kwakunye nokuzola kwentombi. Ukucelwa kwentombi yayinto eyayilidelekile kwaXhosa kuba kwakusaziwa ingcwaba lentombi lisemzini. Abazali bentombi kenabo babeyikhethela ngokwabo umzi azotshatela kuwo, kuba babengafuni ukuhluphekisa intombi yabo kwaye no Yise wayejonge iikhazi elizoza ligcwalise ubuhlanti bakhe, emandulo imali yayigekho ngako ke ubutyebi bendoda bebumetaniswa nenani leenkomo kwakunye nenye imfuyo ekhoyo kwelo khaya. Umfana ke kwaXhosa ebengavumelekanga ukuba athathe umfazi abe engenazo neenkomo ezimbini, bekunyanzelekile ukuba aqale asebenze, ngelaxesha lasemandulo phambi kokuba kufike amaBhulu imisebenzi efana nemayini namashishini yayingekho. Iindoda yayijolisa ekunakekeleni iimfuyo kaYise, amane uyise ke eyohlulela noba ngamathole anowakhulisa ade akhulu abeziinkomo. Uyise womfana wayesongeza kulonto umfana anayo. Ukuze kwaXhosa abonwe umfana ukuba uyindoda kwakuye kujongwe ukuba unaye na umfazi, yilonto umfazi wayexabiseke kakhulu kwaXhosa.

Bekuye kufikelele kwinqanaba apho umntwana oyintombi kufuneka ayokwenda. Ukucelwa kwentombi bekusenzeka kwinkqubo ezimbini, ebeye ahlolelwe ngabazali bakhe okanye angahlolelwa kuze usapho lomfana luzocela intombi. Umbhali Gcingca- Ndolo (2008:26) uthi Xa ke intombi ingakhange ihlolelwe bekuye kuthunyelwe oonozakuzaku baye kulo ntombi beyocelela umfana lowo ufuna ukuzeka. Oonozakuzaku ke kwakufuneka ibe ngabantu abanobuciko, ubulumnko, abakhaliphileyo nabathenjwayo lelo khaya. Ukuphumelela nokungaphumeleli kwalomsebenzi wokucela intombi bekuxhomekeke kunozakuzaku. Oonozakuzaku bebesiya kulo ntombi ngeenjongo zokuyocela ubulawu, Tshongolo (2013:143) uthi ubulawu yinkqubo okanye ngumsebenzi wokuhlanganisa imizi emibini ebingena buhlobo ngaphambili. Oonozakuzaku ke ibangabantu abangoo Tata, baye bahambe ke beqhuba iikhazi ngoba akufunekanga bafike behamba ngezandla emzini. Baye ke baphathiswe iznto ezifana no- swazi, umphako, isazimzi nezinye nezinye. Oonozakuzaku bafike beme ngasebuhlanti ke bakhonye besithi "nazi iindwendwe/ sifikile ekhaya" amadoda amakhulu ke ekhaya aye aphume ezokumamela abantu basemzini, ikhaya lakulontombi lona liye lilungise izinto ezishushu nezibandayo, umzekelo ukutya kwakunye neziselo ezimbandayo. Ukuba ke umcimbi uye wahamba kakuhle elo khazi liye lingene ebuhlanti, kuyiyizelwe ngabafazi kuvuywa kuba intombi izokungena kwisigaba zobufazi. Ukuba umcimbi awuhambanga kakuhle, Oonozakuzaku baye bajike ke nezo zipho zabo kwakunye nokhazi.

Eyesibini ke indlela yokwenda kwentombi ibikuhlolela. Ukuhlolela lisiko apho intombi icelelwa khona isoka. Bekuthi ngentsasa amadoda avuke athabathe umkhonto usiwe kweli soka intombi icelelwa kulo, bebefika bagxumeke loo mkhonto kulo mzi. Intombi ebisenzelwa lomsitho wokuhlolela, yintombi endala engekendi, mhlambi inesosiphango sithile, umzekelo mhlambi ayiboni, ikhubazekile okanye yazalela edlwini. Bekuye ke kuyohlolelwa intombi icelelwe isoka elingekazimanyi neqhina lomtshato. Usapho laku losoka belivuka libone lomkhonto libuzise zelifumanise ukuba ngoweliphi ikhaya ufakwe endlini. Emveni kokuba ikhaya lakulo soka lamnkele umkhonto bekuye kuqale ingxoxo zobulawu. Ibibalihlazo elikhulu ke ukuba umkhonto uye wabuyiswa ngabakulo soka, ibibalihlazo kwikhaya lentombi kwaye entombini ithemba lokwenda beliye libemfiliba.