Iilwimi zaseMzantsi Afrika

Livela
Ezona lwiimi zisetyenziswayo eMzantsi Afrika. Le mephu ibonisa illwimi ezithethwa ngabemi beli ngokwahlukana kweengingqi zaseMzantsi Afrika. Template:Clear

UMzantsi Afrika uneelwimi zaseburhulumenteni ezilishumi elinanye. Zezi: isiBhulu, isiNgesi, isiNdebele, isiSuthu saseNtshona, isiSuthu, isiSwazi, isiTswana, isiTsonga, isiVenda, isiXhosa kunye nesiZulu. Uninzi lwamemi baseMzantsi Afrika (olungaphaya kwama99%) luthetha enye yezi lwimi njengolwimi lwabo lokuqala. [1] Uninzi lwabemi boMzantsi Afrika luyakwazi ukuthetha iilwimi ezimbini nangaphezulu. phambi komnyaka ka-1994, uMzantsi afrika wawuneelwimi zaseburhulumenteni ezimbini kuphela, kusisiNgesi nesiBhulu.[2]

Kwinguquleleo yolwimi lwesiNgesi yoMgaqo siseko waseMzantsi Afrika, zibizwa ngamagama esiNtu nekungamagama abizwa ngeelwimi zawo. Ulwimi lwesiZulu kuthiwa isiZulu, ulwimi lwesiXhosa kuthiwa isiXhosa, njalo njalo. Iilwimi ezidweliswe kumGaqo siseko nazi: isiZulu (Zulu), isiXhosa (Xhosa), isiBhulu(Afrikaans), isiSepedi (Northern Sotho), isiTswana (sseTswana), isiNgesi(siNgesi), isiSuthu (isisuthu saseMzantsi), Xitsonga (Tsonga), isiSiswati (isiSwati), Tshivenda (isiVenda), kunye nesiNdebele (Southern Ndebele).[3]

EMzantsi Afriks, isiNdebele sazeMazantzi saziwa kuphela ngengesiNdebele, kuba kaloku uninzi lwamaNdebele aseNtshona luseZimbabwe. Kwinguqulelo yomGaqo siseko ka-1993 xa kuthethwa ngeNorthern Sotho kuthiwa Sesotho sa Leboa, kodwa eka-1996 inguqulelo kuthiwa sisiSepedi.[4] Amasebe ngamasebe karhulumente kunye nemibutho yaseburhulumenteni isebenzisa amagama ahlukeneyo xa ebhekisa kwisiSuthu saseMntla]]. [5]

Olona lwimi lusetyenziswa ngurhulumente sisiNgesi. Zombini isiBhulu nesiNgesi zibaluleke kakhulu kushishino. Uninzi lwezinhanha (izityebi) zeli loMzantsi Afrika zithetha isiBhulu nesiNgesi.[6]

Ezimbini kwiilwimi zaseburhulumenteni zezaseNtshona naseJamani(isiNgesi nesiBhulu). Ezinye iilwimi eziluthoba zezesiNtu. ezine zeelwimi zesiNtu ziyinxalenye yeosapho lweelwimi zesiNguni (isiZulu, isiXhosa, isiSwati, isiNdebele). Ezintathu kwiilwimi zesiNtu lulwimi lwesiSuthu-nesiTswana (Northern Sotho, Southern Sotho, nesiTswana). isiTsonga lulwimi lweTswa-Ronga. Kananjalo uMzantsi Afrika unolwimi lwezandla kuzwelonke. ulwimi lwezandla lwaseMzantsi Afrika.

  1. Census 2001: Census in brief Statistics South Africa 2009 p. 14 archived from the original on 2005-05-05 retrieved 2014-08-04 
  2. "Republic of South Africa Constitution Act 110 of 1983" Government of South Africa 15 October 2004 archived from the original on 2011-01-05 retrieved 2011-07-03 
  3. "Chapter 1 - Founding Provisions" Constitution of South Africa Government of South Africa 1996 archived from the original on 2011-06-29 retrieved 2011-06-03 
  4. "Constitution of South Africa" Government of South Africa 1993 archived from the original on 2013-07-29 retrieved 2011-07-03 
  5. MULTILINGUAL NATURAL SCIENCES & TECHNOLOGY DICTIONARY (PDF) (1st ed.) Arts and Culture Department, Republic of South Africa 2005 archived from the original on 2012-03-09 retrieved 2014-08-04 
  6. "What's Your LSM?" TVSA, The South African TV Authority 30 May 2007 retrieved 2011-07-03