Jump to content

Igusha

Livela

Igusha'

ISILWANYANA SASEKHAYA: IGUSHA

Igusha sisilwanyana esigqunywe buboya baso (iwulu) kwaye saziwa ngokuba sizolile, sithobekile kwaye kulula ukusiphatha. Oku kuthetha ukuba asiyongozi ebantwini. Igusha sisilwanyana sasekhaya esifuywayo. Sifuyelwa ikakhulu ukufumana inyama, ubisi, iwulu kunye nolusu lwaso. Iigusha zihlala ngokwamaqela (umhlambi) ukuze zikhuseleke kwiintshaba. Zitya ingca, amagqabi kunye nezityalo ezilinywayo (Encyclopaedia Britannica, 2023).

Imvelaphi okanye Imbali Yegusha

Iigusha zaqalwa ukufuywa ngabantu malunga neminyaka eyi-10 000 ukuya kwi-11 000 eyadlulayo kummandla owaziwa ngokuba yiFertile Crescent. Ukufuywa kweegusha kwaba negalelo elikhulu ekuphuhliseni ezolimo nasekuboneleleni abantu ngokutya, iimpahla ezenziwe ngewulu, kunye nezinye iimveliso ezibalulekileyo (Encyclopaedia Britannica, 2023).

Uluhlu Lweereferensi (APA 7th Edition)

Encyclopaedia Britannica. (2023). Sheep. https://www.britannica.com/anim