Jump to content

Igumbi leekhompiyutha lakwi Dyunivesithi YaseThekwini yeTekhnoloji

Livela

Igumbi leekhompiyutha lakwi Dyunivesithi yaseThekwini yeTeknnoloji lifumafumaneka ngaphakathi kwidyunivesithi kwisakhiwo- C2 kwikhampasi Indumiso. Liyafumaneka igumbi leekhompiyutha kuzo zonke iikhampasi sedyunivesithi ukusuka kwi-Ndumiso campus,ML Sultan, Steve Biko Campus, City campus, Riverside, Ritson, Brickfield campus.[1] Eli gumbi likwicala elijongene nethala leencwadi. Likumgama wemizuzu emine ukusuka kwisango elikhulu. Kulula ukuba abantu abahamba ngenyawo balifumane ukogqitha abaqhubi kuba ayikho indawo yokubeka iimoto.

Umsebenzi ongundoqo wegumbi leekhompiyutha

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]
Isakhiwo segumbi leekhompiyutha
Isakhiwo segumbi leekhompiyutha

Igumbi leekhompiyutha lisetyenziswa ukufundisa abafundi ukusebenzisa ikhompiyutha, ukwenza uphando kwi-intanethi kunye nokwenza umsebenzi wabo wesikolo. Ayipheleli apha, iyasetyenziswa kwakhona njengendawo yokuqhuba imicimbi eyohlukeneyo emalunga nonxibelelwano,ubuchwepheshe kunye nokuthumela imiyalezo.[2]

Imithetho yegumbi leekhompiyutha

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ngaphakathi kwigumbi leekhompiyutha akuvumelekanga ukutyela okanye ukusela. Kufuneka kugcinwe ucwangco kuthuleke ukuze kungaphazamiseki abanye abantu. Kubalulekile ukuba wonke umntu ofuna ukusebenzxisa igumbi leekhompiyutha ayazi inamba yakhe yokufunda. Ngawo wonke amaxesha emva kokusebenzisa ikhompiyutha kufuneka uphume kwi- akhawunti yakho ukuze nomnye umntu oza emvakwakwo akwazi ukuyisebenzisa. Oku kubalulekile ekugcineni iinkcukacha zakho zifihlakele.[3]

Imicelimngeni yokusebenzisa igumbi leekhompiyutha

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ngamaxesha wokubhalwa kweemviwo kuyagcwala. Oku kwenziwa kukuba wonke umntu usuke exhalabile efuna ukuyisebenzisa ukuze afumane ulwazi. Kumaxesha amaninzi kubakhi iingxaki ze-intanethi eyenza kancinane.

  1. ↑ "City Campus Library opens newly renovated computer lab" (in en-US) retrieved 2026-09-11
  2. ↑ "City Campus Library opens newly renovated computer lab" (in en-US) retrieved 2026-09-11
  3. ↑ "Handbooks" (in en-US) retrieved 2026-09-11