Jump to content

Idombolo

Livela

Idombolo luhlobo lokutya oluthandwa kakhulu ngabantu ingakumbi abantu abangamaXhosa. Olu hlobo lokutya luthandwa kakhulu ebusika kuba umntu uthi akutya idombolo azive efudumele kamnandi. Idombolo eli lityiwa kunye nenyama, umzekelo nenyama yenkukhu, nenyama yegusha, nenyama yenkomo kunye nenyama yehagu. kuxhomekeka kumntu ngamnye ukuba yena uthanda eyiphi na inyama.[1][2]

Idombolo nenyama yenkomo
  1. Umgubo wokuxova
  2. Iswekile
  3. Ityiwa
  4. Igwele/iyisti
  5. Amanzi
  6. Inyama le ithandwa nguwe
  7. Iziqholo/Izincasanisi ezithandwa nguwe
  8. Itswele

Uyakuqaphela ukuba andiyifakanga imilinganiselo hayi kuba kutheni, imilimganiselo kuthi thina maXhosa siyenza ngokujonga ngamehlo sibone ukuba ityiwa engaka izakuvakala. Ukuba kuye kwenzeka ukuba ingavakali kakuhle siphinda siyongeze kancinci ide ivakale ngale ndlela sithanda ukuba ivakale ngayo. Kufana naxa sizakuphekela abantu abalinani elithile asibali milinganiselo, sibajonga ngamehlo siyazi ukuba umgubo onagaka uzakubonela bonke abantu, futhi kuyenzeka akwenzeki ukuba ukutya kuphele phakathi. Kungeso sizathu ke ndingayifakanga imilinganiselo nje.

Ugalela umgubo wokuxova esityeni, ugalele ityiwa, iswekile, igwele/iyisti, uzidibanise ngokuzizamisa ndaweni nye, wandule ukugalela amanzi adikidiki. Wakuba ugalele amanzi kulapho uqala khona ukuxova usenza intlama le uzakuyipheka. Wakuba ugqibile ukuxova, yogqume intlama yakho uze uyilinde ukuba yonyuke. Yakuba yonyukile intlama yakho, upheka inyama yakho ngendlela le wena othanda ukuyipheka ngayo usebenzisa iziqholo, itswele neityuwa. Kubalulekile ukuba wazi ukuba xa upheka le nyama yakho ungasebenzisa nokuba zeziphi iziqholo/ izincasanisi ozithandayo, akunyanzelekanga ukuba usebenzise ezithile, yile nto ndingazibalulanga ngamagama azo. Xa iqala ukubila inyama yakho, kulapho uthatha khona la ntlama yakho uyenze iibhola ezincinci uze uzifake kula mbiza yakho yenyama, uzibeka kanye apha phezu kenyama ugqibe uvale imbiza ukuze kubile kufuthe. Xa uqikelela ukuba kuvuthiwe, uyayisusa imbiza emlilweni/ esitovini uze uphake. Imnandi ke lo nto, ungavimba umakhulu esifa ngamehlo.[3]

  1. https://www.allrecipes.com/recipe/6900/dumplings/
  2. https://taste.co.za/khanya-mzongwanas-favourite-xhosa-recipes/
  3. https://iamhomesteader.com/beef-stew-with-dumplings/