Jump to content

Ibali lasebusika

Livela
Ubusika
Ubusika

Ubusika: Ukufika kobusika butshayela ilizwe, imithi emide enamasebe amakhulu, amagqabi awo, njengeenkumbulo, awela emhlabeni, ubuhle obubalekayo, bulahlekile kodwa bunzulu. Amanye amalungu njengamaphupha abuthathaka, anika indlela, kwaye ukuwa njengeenyembezi ukuya kwingwevu yasebusika. Kanti ke, ekusweleni kwabo kufunyanwa amandla okomelela loo ngqele yasebusika iqhaqhazelisayo kwaye ayinakurhaxwa. Imithi imila njengezilumko,iyawazi amanqaku yemijelo yobomi, nokuthintsha-tshina amaxesha wonyaka. Bayibonile yonke ukusukela kwihlumela ukuya kwintyatyambo,kwaye yazi ukuba ukubanda kwasebusika kuya kuphinda kuqalise kwakhona kumbatshe indalo. Kodwa iingcambo zemithi zime njenge ankile zibambe nkqi[1]. Zinika umfanekiso wethemba kwabo balahle imbo yabo ngophoyiyana kuba akukho busuku bungena sifingo. Kufana nqwa njengamaqhekeza wekhephu, esika umnxeba. Kwaye ubumnyama bubonakala buhlala imini yonke, imithi njengeembakana, ikhanya ngokuqaqambileyo, isithembiso sethemba kwingxingo zasebusika. Amabali abaliswa ngamakhonkco amyoli, imbali egciniweyo ngamaxesha onyaka angcwele . Ubungqina bokuba ubomi buhlala buhleli, kwiinqwithelo noba imithunja yomhlaba ivaleka, inika isililo kunomkhubulwana.


Caterogies: winter ubusika

  1. "A study reveals that deciduous trees’ roots remain active in winter | CREAF" www.creaf.cat (in English) 2025-04-30 retrieved 2025-05-02