IYunivesithi iRhodes
IYunivesithi iRhodes yiyunivesithi yophando kawonke-wonke eseMakhanda kwiphondo laseMpuma Koloni eMzantsi Afrika. Yenye yeeyunivesithi ezine kweli phondo laseMpuma Koloni.
Yasekwa ngonyaka ka1904, iYunivesithi iRhodes yeyona yunivesithi indala kwiphondo laseMpuma Koloni, kwaye yiyunivesithi yesithandathu ngobudala eMzantsi Afrika esasebenza ngokuqhubekayo. Ilandelwa yiYunivesithi iFree State (1904), iYunivesithi iWitwatersrand (1896), iYunivesithi iMzantsi Afrika (1873), njenge Yunivesithi iCape of Good Hope,[1] iYunivesithi iStellenbosch (1866),[2] kunye neYunivesithi iKapa (1829).[3] IRhodes yasekwa ngonyaka ka1904, njenge Kholeji iYunivesithi iRhodes, ebizwa emveni kwegama lika Cecil Rhodes, ngesibonelelo esivela kumbutho weRhodes Trust. Yaba yikholeji esisiseko seYunivesithi iMzantsi Afrika ngonyaka ka1918, ngaphambi kokuba ibe yiyunivesithi ezimeleyo ngonyaka ka1951.
Iyunivesithi yayinabafundi abangaphezu kwamawaka asibhozo (8,000) kunyaka wezifundo ka2015, apho abangaphezu kwamawaka amathathu (3,600) babehlala kwiindawo ezingamashumi amahlanu ananye (51) kwikhampasi, abanye (abaziwa ngokuba ngabafundi abangabahlali bangaphandle kwikhampasi (iOppidans) (kwiindawo zokugcisa eziqeshiswayo okanye emakhayeni abo).
Imbali
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]- ↑ "University of the Witwatersrand" uniRank™ archived from the original on 1 September 2019 retrieved 9 November 2018 Unknown parameter
|url-status=ignored (help) - ↑ "Universiteit Stellenbosch" uniRank™ archived from the original on 1 September 2019 retrieved 9 November 2018 Unknown parameter
|url-status=ignored (help) - ↑ "University of Cape Town" uniRank™ archived from the original on 1 September 2019 retrieved 9 November 2018 Unknown parameter
|url-status=ignored (help)