Jump to content

IKomishoni kaMadlanga

Livela

 

IKomishoni yeMfunalwazi ngoLwaphulomthetho, ungenelelo lwezoPolitiko noRhwaphilizo kwiNkqubo yoBulungisa, eyaziwa ngcono ngokuba yiKomishoni kaMadlanga, luphando lwasesidlangalaleni olwabhengezwa kweyeKhala 2025 nguMongameli Cyril Ramaphosa kwaye lukhokelwa yiJaji edla umhlala phantsi UMbuyiseli Madlanga. Le komishoni iphanda ngezityholo ezenziwe nguMkomishinala waMapolisa ePhondo laKwaZulu-Natal uNjengele Nhlanhla Mkhwanazi malunga nokungquzulana norhwaphilizi phakathi kwabezopolitiko, amapolisa aphezulu, amagqwetha, amagosa ezobuntlola namacandelo ezobulungisa, UMzantsi Afrika.[1][2][3]

Le khomishini ikhokelwa yiJaji edla umhlalaphantsi yeNkundla yoMgaqo-siseko, uMbuyiseli Madlanga kwaye bekufanele ukuba igqibezele umsebenzi wayo ngomhla wama31 kweyeKhala 2026, yaze yangenisa ingxelo ngomhla wama31 kweyeThupha 2026. Kwinyanga yeKhala 2026, uMongameli Ramaphosa wayongezelela ixesha lokusebenza kude kube ngumhla we16 kweyeNkanga 2026. [4] Ukuphulaphula amangqina kwaqala ngowe17 kweyoMsintsi 2025, iqala ngobungqina bukaNjengele Nhlanhla Mkhwanazi, apho wachaza khona izityholo zakhe ngokupheleleyo waza wabonisa ubungqina awayenabo, ngohlobo lwamaxwebhu, unxibelelwano, neengxelo, phakathi kwezinye, ukumisela ubunyani bezityholo zakhe. [5] [6] [7]

Emva kukaMkwanazi, kwakunguKhomishinala weSizwe weNkonzo yamaPolisa aseMzantsi Afrika, uNjengele Fannie Masemola owanikela ubungqina kwiKomishoni kaMadlanga ngomhla wama22 kweyoMsintsi 2025 ePitoli.[8][9]

Ngomhla wama29 kweyoMsintsi ngo2025, umphathi wezoBuntlola uDumisani Khumalo wanikezela ngolwazi olongezelelekileyo ngokuntsokotha kolwaphulo mthetho olucwangcisiweyo, olubizwa ngokuba yi"Big Five". Wakhankanya ukuba kukho umtyangampo, ozinze eRhawutini, obandakanyeka kumacandelo ahlukeneyo olwaphulo mthetho olucwangcisiweyo, kuquka ukuthengiswa kweziyobisi, ukuqweqwediswa kwabantu, ubuqhetseba beethenda, kunye nokubulawa kwabantu ngokwezivumelwano. [10] [11]

  1. ↑ "Madlanga Commission must confront criminal capture of justice system" www.polity.org.za (in English) retrieved 2025-09-17
  2. ↑ "Mkhwanazi testifies about Mchunu's decision to disband the political killings task team - eNCA"
  3. ↑ Maverick, Daily (September 17, 2025) "Follow live: Mkhwanazi first witness at Madlanga Commission" Daily Maverick (in English) retrieved 2025-09-17
  4. ↑ "President Ramaphosa grants extension of Madlanga Commission report deadline | The Presidency" www.thepresidency.gov.za retrieved 2026-07-14
  5. ↑ "Mkhwanazi slams 'misplaced' Mchunu's decision to disband Political Killings Task Team" News24 (in en-US) retrieved 2025-09-17
  6. ↑ "Madlanga Commission | Mkhwanazi places politicians at centre of rot" www.enca.com (in English) 2025-09-22 retrieved 2025-09-22
  7. ↑ "Madlanga Commission: Lt. General Mkhwanazi gives evidence" www.sanews.gov.za (in English) 2025-09-16 retrieved 2025-09-22
  8. ↑ Maverick, Daily (2025-09-23) "Follow live: Police Commissioner Fannie Masemola continues testimony at Madlanga Commission" Daily Maverick (in English) retrieved 2025-09-23
  9. ↑ "Police Commissioner Masemola appears at Madlanga Commission" www.sanews.gov.za (in English) 2025-09-22 retrieved 2025-09-23
  10. ↑ Singh, Orrin "Madlanga Commission: Khumalo set to only give details on Gauteng's 'Big Five' syndicate" EWN (in English) retrieved 2025-09-30
  11. ↑ Eyaaz (2025-09-29) "Khumalo: 'Big 5' cartel paid ANC delegates and drove task team's disbandment" The Mail & Guardian (in en-ZA) retrieved 2025-09-30