Jump to content

IKaizer Chiefs FC

Livela

IKaizer Chiefs Football Club (eyaziwa ngokuba yiChiefs ) liqela lebhola ekhatywayo laseMzantsi Afrika elidlala kwiPremiership elisekwe emazantsi aseGoli, eNaturena. Eli qela libizwa ngokuba ngamaKhosi, gama elo elithetha 'iiKumkani' okanye 'iiNkosi' ngesiZulu, kunye nePhefeni Glamour Boys. Ikwalelinye iqela elineendebe ezininzi phakathi kwawo onke amaqela ebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika kwaye lelona qela phakathi kwamaqela adlala kwizinga eliphezulu eliphumelele ngokugqithisileyo kwimbali yebhola ekhatywayo yaseMzantsi Afrika ukusukela ngonyaka wama-1970.

Eli qela linokhuphiswano olukhulu, olwaziwa njenge Soweto derby, apho lingquzulana khona neOrlando Pirates, elinye leqela laseSoweto elalidlalelwa ngumsunguli weChiefs uKaizer Motaung ngexesha wayesaqala ukudlala ibhola ekhatywayo.[1] Abadlali abadumileyo abakhe banxiba ngaphambili lejezi inombala omnyama nowegolide baquka ookapteni beqela lebhola lesizwe uNeil Tovey noLucas Radebe kunye noPatrick Ntsoelengoe, uGary Bailey, uJohn "Shoes" Moshoeu, uDayson Balzani, uShaun Bartlett, uSteve Komphela, uSiyabonga Nomvete, uDoctor Khumalo, kunye noSiphiwe Tshabalala.

Lelona qela lixhaswa kakhulu eMzantsi Afrika. IKaizer Chiefs yayinabalandeli abangaphezulu kwezigidi ezili-16 ekupheleni kwekhulu lweminyaka. Ukanti, batsale umndilili wabantu abangama-16,144 ababebukela imidlalo yabo kwibala labo lasekhaya kwixesha lebhola ekhatywayo yonyaka wama-2019-20, elona nani liphezulu kolukhuphiswano. Eli qela lidlala imidlalo yalo emininzi yasekhaya kwibala laseFNB ethatha umgama wabantu abangama-94,797.[2] KweyoMqungu kulo umiyo, 2026, iKaizer Chiefs ibibhiyozela iminyaka yayo engama-56.[3]

  1. "Kaizer Motaung | The Presidency" www.thepresidency.gov.za archived from the original on 19 January 2023 retrieved 2023-01-19 Unknown parameter |url-status= ignored (help)
  2. "worldfootball.net" worldfootball.net (in en-GB) archived from the original on 27 October 2020 retrieved 25 July 2021 Unknown parameter |url-status= ignored (help)
  3. "Kaizer Chiefs Reacts To 'Identical' Black / Gold Barcelona Kit" Footy Headlines 14 August 2020 archived from the original on 15 August 2020 retrieved 18 August 2020 Unknown parameter |url-status= ignored (help)