Jump to content

IIndawo eziloba abakhenkethi eMpuma Koloni

Livela
Sinuka, Port St Johns

E Sajonisi kwiPhondo le Mpuma Koloni, kukho indawo ebizwa ngokuba kuse Sinuka, lndawo enamanzi amibala-bala, omnye wemibala ngulo uvezwe kulomfanenikiso ungezantsi. Lendawo kukholelwa ukuba yindawo engcwele apho abantu bafumana impiliso khona. Kukho indawo enodaka olumhlophe, olubhelu kunye nolumnyama. Oludaka luyakhiwa ngabantu ze bazibhutye ngalo umzimbha kunye nobuso, kukholelwa ukuba oludaka lunceda umgqwaliso kunye nezinye izibi ezinamabele ubuso. Amanzi wona la a pinki, kukholelwa ukuba anceda kakhulu umeqo ezinyaweni, kangangoba uninzi lwabantu abadala basiwa khona xa beqaqanjelwa ziinyawo. Kuyagcwala kakhulu ke ngeempela veki kunye nange holide, kuba nguMbho nomXesibe wabantu abasuka kwiindawo ngeendawo befuna lamanzi anika impilo. Bambi bafika bangene emqolombeni bathandaze kuba bekholelwa ukuba kukhona isithixo esikhoyo esiphethe impiliso. Akhona ke namanzi acwengileyo aselwayo, abanye ke benza ukrozo befolele ukukha lamanzi ukuze baye nawo ekhaya kuba nawo ayimpiliso xa uthe wawasela. Isinuka yindawo engafuni hoyo luka Rhulumente kakhulu kuba isebenza ngokwendalo kodwa into anukuyenza uRhulumente kukulungisa indlela efikelela khona kuba isentabeni phakathi kwehlathi, lonto yenze ukuba kubenzima ukuba abantu asele bekhulile bakwazi ukufikelela. Abakhenkethi abanintsi abahambi eSajonisi bengafikelelanga kulendawo kuba amandla wayo akakholeleki[1][2].


Catergories: Sinuka Port st Johns Impiliso Abakhenkethi

Amaphepha Asetyenzisiweyo
  1. "Isinuka Springs Information | WhereToStay.co.za" www.wheretostay.co.za (in English) retrieved 2025-05-26
  2. Faniran, J. A.; Ngceba, F. S.; Bhat, Rb; Oche, C. Y. (2001) "An assessment of the water quality of the Isinuka springs in the Transkei region of the Eastern Cape, Republic of South Africa" Water SA (in English) 27 (2): 241–250 ISSN 1816-7950 doi:10.4314/wsa.v27i2.4998