I-Hogback (i-geology)
Kwi geology nakwi geomorphology ihogback yinduli ende nenqabileyo okanye uthotho lweenduli ezinomqolo omncinci phezulu kunye namathambeka abukhali macala omabini. Ezi nduli zihlala zenziwa kukukhukuliseka komhlaba (erosion) okwenzeka ngokwahlukileyo kwiintlobo zamatye. Ngokuqhelekileyo zenzeka kwiindawo apho amatye e Amatye entlenga athambekele kakhulu, ngaphezu kwe-30° ukuya kuma-40°. Icala elinye le-hogback libizwa ngokuba yi dip slope apho umphezulu welitye ulandela indlela amatye athambekele ngayo. Icala elinye lona libizwa ngokuba yi scarp slope okanye libizwe ngokuba escarpment, apho ukukhukuliseka kunqumla kumaleko amatye aze enze udonga oluthambekele kakhulu.
Iihogback zibonakala njengemilo yomhlaba eqhelekileyo kwiindawo apho amaleko amatye athambekele kakhulu. La maleko ahlala engamatye e sedimentary aneemaleko atshintshanayo: amanye aqinile kwaye axhathisa ukukhukuliseka, afana ne sandstone kunye ne limestone, kanti amanye athambile okanye abambene kancinci, afana ne shale, mudstone, kunye ne marl.
Umphezulu welitye eliqinileyo nelixhathisa ukukhukuliseka wenza icala elibizwa ngokuba yi dip slope okanye backslope ye-hogback. Oku kwenzeka kuba amaleko amatye athambileyo ayakhukuliseka ngokukhawuleza aze asuswe ngumoya namanzi. Icala elijonge phambili le-hogback libizwa ngokuba yi scarp slope okanye escarpment, apho ukukhukuliseka kunqumla ngqo kumaleko amatye.
.Ngenxa yokuba la maleko amatye ethambekele kakhulu, xa umhlaba ukhukuliseka indawo ye-hogback inokutshintsha kancinci. Nangona kunjalo, olo tshintsho luba luncinci kakhulu — mhlawumbi iimitha ezimbalwa kuphela — hayi imigama emide njengoko kunokwenzeka kwezinye iimilo zomhlaba ezifana ne cuestaAmatye entlenga . can you please pharaphase it in xhosa