Jump to content

I-Bushveld gardenia

Livela

I-Bushveld gardenia yintyatyambo eyomemeleleyo efumaneka kwindawo yaseMakhanda. Ikona nekona kulendawo inayo le ntyantyambo kuba kukholeleka ukuba ngeyona ekwazi ukumelana nemeko yesomiso yalapha.

Intyantyambo eyomeleleyo eMakhanda

Kwimeko emaxongo yentlekelele yesomiso yedolophu i-Makhanda, intyantyambo iBushveld gardenia ngeyona ntyantyambo yomeleleyo kwaye iyakwazi ukumelana nexesha lesomiso elihlasele idolophu yase-Makhanda.[1] IDyunivesithi yaseRhodes iye yenza iphulo lokutyala le ntlobo yentyantyambo kuba isoyikisela imeko yesimo samanzi kwindawo yase Makhanda, lonto iye yayinceda kuba leDyunivesithi isoloko inentyantyambo eziqaqambilkeyo noba kungeliphi na ixesha lonyaka.[2]

Le ntyantyambo ibonisa ukububaluleka kokomelela xa ngaba udibana neziyunguma kunye nokumelana noguquguquko olwenzeka apha elizweni. Le ntyantyambo uye uyifumane iqhakaza nangona kulixesha lobusika kwaye kungabonakali nelinye iqabaza lemvula, lento ibonisa ukomelela naxa kunzima okanye udibana nobunzima endleleni.

  1. "Gardenia volkensii | Tree SA" treesa.org retrieved 2026-07-17
  2. "Makana Botanical Gardens in Grahamstown, Eastern Cape" www.sa-venues.com retrieved 2026-07-17