Jump to content

Human Rights Day - Usuku lokubhiyozela Amalungelo

Livela

Stimela by Masekela, Umhobe we Human Rights Day!

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]
Hugh Masekela the Human Rights Activist
Hugh Masekela's Stimela, A Human Rights Anthem

Umhla we 21 March wabekwa ngokusesikweni ukuba ngumhla wokubhiyozela amalungelo abasebenzi beli lo Mzantsi Afrika. Lo mhla usukela kwiziganeko eziliqela zokuxhatshazwa nokujongelwa phantsi, nokunyhashwa kwamalungela abasebenzi. Intsusa yeziziganeko isukela kwilixa lobandlululo phansti komthetho wama Koloniyali. Ingoma yongasekhoyo u Hugh Masekela ethi "Stimela" yavotelwa ukuba ibe ngumhobe wesizwe ukukhumbula iziganeko ezingqamene nolusuku[1]. Ezinye zeziganeko ezihamba phambili ngokunhyashwa kwamalungelo nezikhokelele ukuba ingoma ka Masekela ibe yiyo esetyenziswayo ukubhiyozela olusuku, sisiganeko sika Loliwe, owayethatha amadoda amnyama ezwekazi i Afrika ewathuthela kwimigodi yaseGoli ngenjongo zokuba basebenze kulemigodi ukuze bakhele amaKoloniyali ubutyebi. Aba basebenzi akukho buhlungu okanye kuxhatshazwa bangakuvanga kuquka nokunhyashwa kwamalungelo abo. Yiyo lonto ingoma ka Masekela iyiyo engumhobe wesizwe xakubhiyozelwa usuku lamalungelo oluntu. Oonomayini ngokwembhali, kwaqala ngabo ukuhlukunyezwa nokunyahswa kwamalungelo abo kwindawo zokusebenza. Ulutsha lwanamhlanje lufika kwilizwe apho sekwakhiwe amasebe amele amalungelo oluntu, kodwa lonto ayithethi ukuba ilizwe selide lafikelela kwinkululeko engenamakhwiniba. Kodwa ke okwangoku ma Afrika, masithi nilubhiyozele kakuhle usuku lwamalungelo enu, HAPPY HUMAN RIGHTS DAY!!

Human Rights 21 March Amalungelo oluntu Hugh Masekela Stimela

  1. Bezuidenhout, Andries (2018-05-01) "The best anthem for Workers’ Day? ‘Stimela’ – a tale about apartheid’s migrant labour system" Elitsha (in en-ZA) retrieved 2025-03-21