Jump to content

Fadana (AbaThembu Chief)

Livela
Fadana (AbaThembu Chief Regent)

UFadana kaNdaba ibamba elibalaseleyo nenkokheli ebalulekileyo lobukhosi babaThembu eMpuma eMzansi Afrika.

UFadana kaNdaba (owazalwa ngaphambi malunga nomnyaka ka 1830) wayelibamba elibalaseleyo nenkokheli ebalulekileyo yabaThembu, eMpuma Koloni, eMzantsi Afrika. Umhla wakhe wokubhubha awaziwa. Nengomnakwabo kaKumkani uNgubengcuka, uFadana wasebenza nengebamba lobukhosi ngexesha apho indlalifa yobuhosi uMtirara yayisencinci kakhulu ukuba ingathatha iintambo zolawulo. Waziwa kakhulu ngokukhokela isizwe samaTshatshu[1], kunye nokuxhathisa kwakhe ukungenelela kwabaseNtshona nokuhluthwa kwemihlaba.

Abantakwabo okanye abantwana bakayise, Jumba Ndaba, Mni kaNdaba, Mphasa kaNdaba, kunye noNene kaNdaba. Abantwana bakayise komnye umfazi, Ngubengcuka Vusani kaNdaba, nowayengukumkani wabaThembu.[2]

  1. Reporter, Staff (2019-05-31) "Our land of empty promises" Mail & Guardian (in en-ZA) retrieved 2026-07-17
  2. "Fadana aNdaba, Regent of the abaThembu" www.geni.com retrieved 2026-07-17