Jump to content

Eli liqonga lamaphupho aphilayo

Livela

 Iqonga elinye, amazwi angenakubalwa: apho sifumana khona impiliso.

Kukho into engcwele ngeqonga elinje. Ukukhanya kwezibane ezinemibala, imakrofoni ilindile ngokuzolileyo.Amathala eencwadi azele ngamabali kwelinye icala, amagubu kunye nesiginkci kwelinye.  Ayiloqonga nje. Likhaya layo yonke into esiyiphetheyo kwaye asazi ukuba sithini. Iqonga[1] elinye namazwi angenakubalwa. Apha kulapho uninzi lwamaphupha, [2] abekwa khona ngokwenyani kwaye aphile.  Amagcisa aphuma kuzo zonke iinkalo zobomi andwendwela eliqonga kwaye amkele ukwaziwa kwawo kwezobugcisa.

Iqonga lemimangaliso.

Amagcisa asakhasayo, amagcisa, [3]aziwayo okanye asele emiselwe abelana ngeqonga elinye nomsebenzi kunye nombono ofanayo.  Kulapho umculo omnandi, imibongo kunye namabali abaliswa khona kubaphulaphuli.  Ngelixa kulo, abaphulaphuli bevuya ngolonwabo, bexhasa amagcisa eqongeni. Umculo uhamba phambili, ngokukhawuleza ubunzima, [4]obusesifubeni sakho buba lula. 

Iingoma,[5] esiziculayo apha zimyoli kwaye ziyaphilisa. Amagcisa asivumela ukuba sizive zonke, ngokuvakalayo. Imibongo,[6] iyalandela. Xa umntu ethetha ngokuvakalayo, sikhumbula ukuba ayisithi sodwa esivakalelwayo. Amabali,[7]avale ubusuku.  Ezihlekisayo, ezibuhlungu, ezo ziphela ngo “kwaye ndiselapha.”  Siyaphulaphula, kwaye ekuphulaphuleni, siyaphiliswa.

Kweli qonga,[8] kuye kuvakale amazwi amaninzi. Ngenxa yokuba ubugcisa abulungisi yonke into.  Kodwa busibambe kunye. Busikhumbuza ukuphefumla, ukuziva, ukusidibanisa. Kusigcina somelele. Eli Iqonga elinye. Amazwi angenakubalwa, namaphupho aphilayo.

  1. Budden, Julian (2002) Stage band (i) Oxford Music Online Oxford University Press
  2. "DREAMS" Thus I Lived with Words (University of Iowa Press): 91–106
  3. "Simplicity, Contemporary Artists" Simplicity, Contemporary Artists 2002 doi:10.5040/9781350924147
  4. Garbarino, James "The Prospects for IV Troubled Youth and Troubled Families" Troubled Youth. Troubled Families: 253–308 doi:10.4324/9781351327640-14
  5. Ka Dideka, Lukhanyo; Verghese, Ben (2023-11-08) "Iingoma Zomzabalazo in Conversation: An Archival Engagement with Recordings of Liberation Songs" Kronos 49 (1): 1–21 ISSN 0259-0190 doi:10.17159/2309-9585/2023/v49a8
  6. Dekisile, Phiwokuhle Phiwe (2023-10-15) Imela Igobel’esandleni: Idrama, Imibongo & Amabali Amafutshane UJ Press ISBN 978-1-7764606-5-6
  7. Dekisile, Phiwokuhle Phiwe (2023-10-15) Imela Igobel’esandleni: Idrama, Imibongo & Amabali Amafutshane UJ Press ISBN 978-1-7764606-5-6
  8. "NOTIF4D: Situs Togel & Slot Toto Macau Resmi Live Draw Pasaran Tercepat" NOTIF4D (in id-ID) retrieved 2026-07-17