Jump to content

ELusikisiki

Livela
ELusikisiki
Lomfanekiso waseMbotyi eLusikisiki ubonakalisa umlomo womlambo iMbotyi nekuyindawo yokuchitha iiholide elunxwemeni.

ILusiksiski yenye yeedolophu zamaMpondo phantsi komasipala weNgquza Hill. Eligama laqanjwa ngabahlali baseLusikisiiki emveni kwesandi sokurhashaza somoya, ingaphandle kwedoluphu uMtata ngakumgaqo iR61.

Ledolophu yayiphantsi kwengcinezelo yaye isaziwa njengesibaya sekumkani.

Amabhulu aqala ukuhlala kwidoluphu yamaMpondo emveni kokuba ithinjwe yiCape Colony, nemantyi kunye namajoni omzabalazo Ngomnyaka aqalisa ukubeka inkampu zawo kuledolophu.

Ngo-1953 urhulumente woCalucalulo waseMzantsi Afrika wenza iinzame zokweyisela abantu baseLusikisiki ukuba bamkele ulawulo lwamagunya abantu ababelumise. Urhulumente wasebenzisana neNkosi uBotha Sigcau ukuzama ukuqala icebo lokuvuselela ePondoland . Le nkqubo yaziswa kuluntu lwaseLusikisiki kodwa ayizange ivunywe. Emva kweentsuku ezimbalwa, amapolisa angena kuloo ndawo. [1] Indoda egama linguMngqinga yakhokela iqela elikhulu lasekuhlaleni ukuhlasela amapolisa. Oku kwaziwa kamva ngokuba yiLusikisiki Revolt.

ILusikisiki ifumana amanqanaba aphezulu emvula, aphakathi kwama- 874–1,060 millimetres (34–42 in) yemvula ngonyaka. [2] Imvula ithathwa njengengahambelani nexesha lonyaka, nangona iLusikisiki ifumana uninzi lwemvula yayo ehlotyeni. [3] Amaqondo obushushu asebusika afikelela kwinqanaba eliphantsi ngoJulayi, umyinge we 8 °C (46 °F) Celsius ebusuku. Le ndawo ikwii-biomes zeForest kunye ne-Indian Coastal Thicket, kwaye iWhite Milkwood ( Sideroxylon inerme ) zixhaphakile.

Iindawo ezinika umdla ezikufutshane neLusikisiki

[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

IMagwa Waterfall iphakathi kwesityalo seti saseMagwa 1,800 hectares (4,400 acres), indawo yokugqibela yeti eMzantsi Afrika ngaphandle nje kweLusikisiki. Umkhusane weMagwa Waterfall uwela 144 metres (472 ft) ize iwele kumngxuma omncinci.

Ezinye izinto ezinomdla ziquka iMkambati Nature Reserve equka iiMzamba Fossil Beds eziqikelelwa ukuba zineminyaka emalunga nezigidi ezingama-60 ubudala, iNtsubane Forest kunye neLupatana Nature Reserve. [4]

  • UKhotso Sethuntsa – Isangoma
  • UKumkani uBotha Sigcau – Ikumkani yokuqala ye Bantustan kwilizwekazi iTranskei
  • UNkosazana uStella Sigcau – inkulumbuso yokuqala yabasetyhini kwiBantustan yaseTranskei kunye nomphathiswa wesizwe waseMzantsi Afrika
  • UNkosana uNkosi Ntsikayezwe Sigcau – inkokheli yemveli yaseLwandlolubomvu Traditional Council.
  • USimphiwe Dana – imvumi
  • UMpho Mbiyozo – umdlali wombutho wombhoxo
  • HHTN Bubu - UMphathiswa wezeMfundo kwiRiphabliki yaseTranskei

Ukusukela ngo-2021, iLusikisiki ibekwe kwindawo yoku-1 eMzantsi Afrika ngokwezinga lolwaphulo-mthetho lwesizwe; olu lwaphulo-mthetho luquka ukuphangwa kwasekhaya kunye nokuxhatshazwa ngokwesondo. [5]

Ngomhla wama-28 kuSeptemba ngo-2024, kudutyulwana kabini olukhulu lwenzeka eLusikisiki, kwafa abantu abali-18 kwaza kwalimala abanye aba-5. [6]

  • Indawo yoLondolozo lweNdalo yaseMpofu
  • Amapondo
  1. tinashe (2011-06-10) "Lusikisiki and Bizana" South African History Online (in English) retrieved 2018-02-09
  2. "Climate Lusikisiki: Temperature, Climograph, Climate table for Lusikisiki - Climate-Data.org" en.climate-data.org retrieved 2018-02-09
  3. "Lusikisiki climate" www.saexplorer.co.za retrieved 2018-02-09
  4. "Lusikisiki Travel Information" archived from the original on 2025-01-27 retrieved 2026-03-11
  5. "Lusikisiki again a hotspot for rape incidences" Dispatch LIVE 22 February 2021
  6. "South Africa shooting: Manhunt underway as 17 people killed in Eastern Cape village attack" www.bbc.com 29 September 2024 retrieved 29 September 2024

iThemplethi:OR Tambo District Municipality