Jump to content

Davidson Don Tengo Jabavu

Livela

UDavidson Don Tengo (D.D.T) Jabavu wazalwa ngeyeDwarha ngo-1885, kwindawo eyayibizwa ngokuba yi-Cape British Colony (Ikoloni), kusapho olwalungumzekelo lwengqiqo yobuKrestu ethi, ukuba ngumKrestu kukuphucuka, nokuphucuka kukuba ngumKrestu. Wayeyinkulu kubantwana abathandathu. Bobabini abazali bakhe bakhulele kwiintsapho ezingama Krestu. Umama wakhe, u-Elda Sakuba Jabavu, wayeyintombi kaMfundisi uJames B Sakuba, umfundisi waseWesile. Uyise, uJohn Tengo Jabavu, wayengumhleli wephephandaba lesiXhosa nesiNgesi Imvo Zabantsundu.

Bobabini ooSakuba kunye nooJabavu babengamaMfengu. Ngokwendlela yokutolika okusemgangathweni, amaMfengu agxothwe yiMfecane, ukuphazamiseka okubangelwe kukwanda kobukumkani bakwaZulu ekuqaleni kwenkulungwane yeshumi elinesithoba. AmaMfengu aqala ukuba ngabaxhasi besiXhosa samaGcaleka eMpuma Koloni ngeminyaka yoo-1820 emva koko, ngo-1835, azimanya namakoloniyali aseBritani, esamkela inguquko yobuKrestu, norhulumente waseBritane nemfundo.

Imingeni kunye nefuthe lobuhlanga
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Kwiimfazwe ezintathu ezalandelayo zenkulungwane yeshumi elinesithoba phakathi kwamaNgesi namaXhosa, amaMfengu alwa namaNgesi. Eyokugqibela ye Independent African states yayiza koyiswa ngo-1898, ngobusuku bangaphambi kweMfazwe yoMzantsi Afrika yango-1899-1902 phakathi kwamaBhulu (inzala yabemi bamaDatshi benkulungwane yeshumi elinesixhenxe) kunye namakoloniyali aseBritani. Into yokuba uJohn Tengo Jabavu wayenguMfengu ngamanye amaxesha yayinokuchaphazela umsebenzi wakhe wokuba yintatheli, nangona ngokuqhelekileyo, ipolitiki yobuhlanga yayijongelwe phantsi ngabafana namabhinqa asuka kwiimvelaphi ezahlukeneyo (amaPedi, amaXhosa, amaMfengu) abafundiswa kwizikolo zobufundisi bobuKrestu.

In India and East Africa E-Indiya Nase East Africa - Google Books

Mbotshelwa, S.V. 2023