Amaza

Livela

Amaza yincwadi yesiXhosa enamaginxiginxi athi abantu badibane nawo. Abalinganiswa abaphambili kule ncwadi nguLizo Vaxa, Namhla, vuSidima kunye noZodwa. Kwindima yokuqala kulencwadi siboniswa uNamhla enomsindo wokuba anyanzeliswa ngabazali bakhe ukuba makatshate nomntu angamthandiyo,uSidima. USidima unomntwa kuZodwa lo uthe wazithwala wazisa emzini kuloLizo, kwanyanzeleka ukuba makamtshate. Isizathu sokuba abazali baka Namhla bamtshatise ngenkani kungenxa yokuba babebaleka ihlazo lokuba uNamhla atshate nomntu otshatileyo, uLizo vaxa. Le ngxube kaxaka ikulencwadi yenzeka ngenxa yesi sibini esifuna ukutshata kunye kodwa asivunyelwa ngabazali babo ukuba mabatshate. Ndicinga ukuba le nto le ncwadi ibizwa ngokuba "Amaza" kunge nxa yeengxabano ethi yenzeke kule ncwadi, nokungavisisani. Lento ndisitsho kunge nxa uyokubona amaza elwandle emana kuza ngaphambili aphinde abuyele emva, xa lento isenzeka ibangathi ayalwa kengoko le ncwadi ibizwe ngeligama ngenxa yezi ngxaki zenzekayo ezidala ingxabano, Kwaye ulwadle luyalwa ebusuku likhuphele bonke ubumdaka ngaphandle. Yiyo kanye nento eyenzeka kulencwadi. Zonke iinyani Zithi zivele ekugqibeleni.