Jump to content

Amaqhina womhlaba akakhulisi mntu.

Livela

Kwathi ke kaloku ngenye intsasa ebandayo, ilanga lisaphuma[1] lingangxamanga ngathi liyoyika ukuvusa umhlaba owawusoloko uxhathisa abantu bawo, kwavakal isandi seentsimbi zeenkomo sidibana nomoya ophuma engetheni. Kuloo mzi wawusentla komlambo uQwathi, kwakuhlala umntwana ogama linguVuyani, umntwana owakhuliswa zizandla ezirhabaxa zomhlaba, neentliziyo ezazifunda ukunyamezela phambi kokufunda ukonwaba. UVuyani wazalwa kwikhaya elingazange lazi ubutyebi, kodwa laziwa ngobubele obunzulu nobulukhuni obungenasikhalazo. Umama wakhe uNomakhwezi, wayengumfazi onobuso obubhalwe yiminyaka yelanga elingafiyo kwaye utata wakhe uMfazwe, wayeyindoda ethetha kancinci kodwa izenzo zakhe zithetha ngaphezulu kwamazwi, izandla zakhe zazisoloko zineentsimbi zomsebenzi zingakwazi ukuphumla.

Ubomi basemakhaya babungelulo ibali elithambileyo, amanzi ayefunyanwa ngomgama, ukutya kusuka emasimini ayeqokelelwa ngengqwalasela kuba indlala yayisoloko ime kufutshane njengendwendwe engamenywanga. UVuyani wafunda esakhula ukuba umhlaba awuniki simahla ntonje uyafundisa kuqala, uze emva koko unike. Wayevuka kusasa, ahlambe ubuso ngamanzi abandayo omlambo aze athwale umqamelo wakhe wephupha aye esikolweni esakhiwe ngezitena zodaka. UVuyani wayeyinculabuchopho engafuni ukwaziwa xa efika esikolweni kodwa engaphosi nelinye igama.Isisu sasithetha ngamaxesha amaninzi kunootitshala kodwa intliziyo yakhe yayithe cwaka, iqinile njengencambu yomthi omdala. Xa abanye besuka esikolweni bedlala, yena wayebuyela ekhaya, apho wayelindwe ngumsebenzi wokuqokelela iinkoma, ukulima,ukulungisa umzi ongazange wazilungisa ngokwawo.

Kwakukho amaxesha apho umoya wawumcikida umenza azibuze ukuba kutheni ubomi bunyanzela ukuba akhule ngokukhawuleza kodwa kwakukho neentsuku apho umakhulu wakhe, ugogo uNoluthando, wayehleli ecaleni komlilo, amehlo wakhe ejonga kude esithi "Umntu ukhula njengesihlahla, ukuba umhlaba umbi iingcambu ziba nzulu." La mazwi ayesoloko emlandela uVuyani, efana nentsomi awayeyifake epakatheni yentliziyo. Xa imvula isehla[2], umhlaba uthetha ngolwimi layo, ivumba lothuli liyatshintsha, imbewu iyaphila, kwangolohlobo nangona ubomi babunzima uVuyani waqala ukubona iimbewu zokuzithemba zintshula ngaphakathi kwakhe. Wafunda ukuthetha, ukucinga, nokuphupha, nangona amaphupha wakhe ayengaxelwanga mntu.

Kwathi ngenye imini, kwafika indoda evela edolophini, enxibe izihlangu ezicwebezela ngendlela engaqhelekanga. Yathetha ngamathuba, ngemfundo, ngehlabathi elingaphaya kwentaba, abaninzi bamamela bengakholelwa kodwa uVuyani wavakalelwa kukuba ilizwi layo limchukumisa kuba lalimthembisa ubutyebi, koko lalimnika umfanekiso wokuba ubomi abupheli apho aqale khona. Ukuhamba kwakhe kwakungekho lula, wayehamba neentsuku zendlala, iinyembezi zokwahlukana, nemibuzo engenampendulo kodwa wayehamba ephethe into ayinikiweyo ngumhlaba, isibindi sokunyamezela,isidima sokungazidli, nobulumko bokumamela. Xa wayejonga emva, engasenguye umntwana wolo suku lwentsasa ebandayo, wayesazi into enye "Ebunzimeni kukhula izandla ezomeleleyo kwaye kuloo mhlaba ulukhuni kwakhiwa umntu." Kuba abusoloko ubomi bukhulisa ngobumnandi maxa wambi buyasiqinisa ukuze siqiqe. Kwaye uVuyani wayengumzekelo wokuba apho umhlaba unqaba khona, umntu unokuphakama njengentyatyambo ikhula ezingxondorheni.

  1. "Sunrise" Wikipedia (in English) 2025-11-01
  2. Spain, S. M. C. (2024-09-09) "Cities receive more rain than nearby rural areas" SMC España (in English) retrieved 2026-01-25