Abasetyhini kumdlalo wesibhakela

Umdlalo wesibhakela uvula amathuba amaninzi kubadlali bawo xa bezimisele.
Imvelaphi
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Umdlalo wesibhakela, owaziwa nangomdlalo wamanqindi, wawukade udlalwa ngamadoda namakhwenkwe kuphela. Kuhle ukuba nabasetyhini bayabandakanyeka kulo mdlalo kwixesha langoku ukuze nabo bafumane amathuba amahle. Abadlali bamanqindi bazibhaqa sele behamba ilizwe lonke, mahala, ngenxa yokugqwesa kwimidlalo. Oku kubonisa ukuba lo mdlalo uvula amathuba amahle kubadlali kwaye ukuzimisela kwabo kunenzuzo.
Utshintsho
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Nangona abasetyhini babekade bengawudlala umdlalo wesibhakela ngaphambili, baninzi ngoku ababandakanyekayo kulo mdlalo, ingakumbi kulo nyaka, u-2026. Kwimidlalo yesibhakela yeSizwe saseMzantsi Afrika, bekukho abadlali besibhakela abangama-72, nto leyo ibiqala ukwenzeka. Oku kubonisa ukuba abasetyhini baye beyithanda nabo le midlalo.
Inzuzo
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]Baliqela abadlali bamanqindi abafezekise amaphupho ngokuthi bazuze imali, iimoto, nokunye okuninzi ngenxa yokuphumelela kwabo kwimidlalo yamanqindi. Umzekelo, UPhiwokuhle Sbusisiwe Mnguni waKwaZulu-Natal, ngumdlali wamanqindi ophume izandla. Wawina imoto entsha kraca kwitumente enkulu yamanqindi i-Commonwealth Games eBirmingham ngonyaka ka-2022 kuba wayengowokuqala owasethyini ukuwongwa ngemedali kule tumente.[1] Nto leyo ebonisa ukuba umdlalo wamanqindi ubenzela lukhulu abadlali abazimiseleyo.
Imithombo yolwazi
[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]- ↑ Kganakga, Tlamelo (2022-08-14) "Phiwokuhle Mnguni: “I Am Proud to Be One of the Pioneers”" gsport4girls (in en-ZA) retrieved 2026-07-17