"Usilelwe isidudu semfe"

Livela

Le nto isisidudu yinto ebisetyenziswa kunene emaXhoseni kuzo zonke iintlobo zezifo, kuphela kwento ebelingwa ngayo umntu ofayo, kuba ikupgela kwento efudumeleyo kwezithambileyo. Ke, bebesithi bambi benze nesidudu semfe xa sukuba umntu esifa sisisu, sithi ke kuba sikrakra, akruquke angabuye athande kusiphinda. Sekusithi ke xa umntu akruqukileyo, nokuba ukruqulwe yintoni na, kuthiwe,:-"Usilelwe isidudu semfe." Elo liyafana neli lithi,:-Andifuni negqabi letapile." Sukuba kusitshiwo ngumntu okruqukileyo yinto emdinileyo nokuba yeluhlobo luni na.