User:Looksyeah

Livela

Mholweni mawethu,

UJola, uJolinkomo, uMphankomo, uQengeba, uNgwanya ... uyanibhotisa.

Ndingumntu othanda ukubhala ulwimi olusulungekileyo nongavaniyo tu kwaphela nolwaphulo mithetho yolwimi lweeNkobe, IsiXhosa.

Ukuba ndithe ndalungisa intetho yakho kwikhasi elithile, ndiyazingxengxezela ngaphambili. Andinanto ingakuwe, njengo mntu, kodwa ndilwa nokuzinyhasha kweelwimi zeentlanga kulwimi lwethu lwesiXhosa. Ndiyaqonda ukuba abanye bababhali kwiXhosapedia bangabasemzini kodwa bathathe inxaxheba yokusincedisa ukubhala amakhasi ngesiXhosa; hayi andibalwi nabo, kodwa ndithatha apho bayeke khona.

Mna ndingumntu onomdla kwezi zicangcatho zilandelayo:

  • Ezepolitiki.
  • Imbali (History).
  • Isayensi.
  • Ezo Balo.
  • Ezo Shishino.
  • Imihobe nemibongo.
  • Ezophuhliso nezoQoqosho.
  • Amabalana amafutshane.
  • Iinoveli.
  • Iindaba zamazwe.
  • Iintlanga ngentlanga (ndikwadibanisa namaXhosa apha): ulwimi, amasiko, ukuzalana, iinkosi, imbali njl. njl. (njalo njalo).
  • Umculo wokholo, umculo opholileyo, umculo womphefumlo (Soul Music), iJezi, kunye nenzinye.
  • EzeNkolo yamaKhrestu.
  • Imiba yasekuhlaleni (social issues).
  • Impatho mbi yamaqela athile olu ntu (Social Injustices).
  • Imidlalo bhanya-bhanya.
  • Ukubaleka.
  • Ukuhamba ubuka indalo.
  • Ugcino coceko lomhlaba jikelelo (Keeping Earth green).
  • Ezemfundo: izifundo, abafundi kunye nabafundisi-ntsapho.

Ukwazisa nje gqaba-gqaba ngam, ndingumfundi kwiDyunivesithi yaseVetivaterisiranti, ERhawutini. Kulo nyaka ndenza unyaka wam wesibini kwizifundo zamaNani, zoQoqosho kunye nezoQinisekiso (Insurance), xa zibizwa ngagama linye yiEkutshweriyali Sayensi (Actuarial Science).

Ndingumntu othanda ukuncedisa ekuhlaleni, ikakhulu abafundi abakwiizikolo zamabanga aphezulu.

Ukuba unombuza othile, ndishiyele imbalelwano apha ezantsi. Nceda ubhale igama lakho leXhosapedia/Wikipedia, ukuba uziva ukhululekile ungatyabeka negama lakho lenqu.'''

Umzimamisi welikhasi.

Lukhanyo Shaun Ntsika Velelo (LSNV)