Umoya

Livela
Nazi izinto ezenza umoya:
I-fan isetyenziswa xa kufuneka kuphephezele umoya 

Umoya yenye yezinto eziqhelekileyo kwezo sizaziyo.nokuba uphi na, usoloko ujikelezwe ngumoya. Xa unokungabikho, zonke izinto, abantu, izilo nezityalo zingafa. Wonke umntu, zonke izilo nazo zonke izityalo ziphefumla wona emini nasebusuku. Uyavakala xa uphephezela ubetha ebusweni. Amafu esibhakabhakeni phaya aqhutya yimimoya. Umoya yimpepho eshukumayo naxa singenakuyibona ngamehlo impepho leyo kwanemimoya evuthuzayo.

uyi-atmosphere yomhlaba. Umoya osijikeleziyo okanye esiphila kuwo ungumxube wee-gas ezininzi kunye nothuli lomhlaba. Unoya yi-gas ecocekileyo eziphila ngawo izidalwa eziphilayo, zize zithi ngawo zikwazi nokuphefumla. Ukumila kwawo nobungakanani bawo ngokobunzini  abunangqibeko. Awunabala navumba. Une-mass nobunzima. Uyi-matter kuba kaloku une-mass nobunzima. Umoya udala i-atmospheric pressure. Akukho moya kwi-vacuum ye-cosmos.

Umoya ngumxube we-nitrogen emalunga nama-78%, ama-21% e-oxygen, i-0.9% se-argon, i-0.04% ye-carbon dioxide, kunye nezinye iintwana ntwana zee-gas ezincinane kakhulu.[1][2] Kukho umyingewophunga wamanzi omalunga ne-1%.

Izilwanyana zidinga i-oxygen esemoyeni ukuze ziphile. Umzimba womntu, imiphunga ihambisa i-oxygen iyise e-gazini, ize iphinde ibuyisele i-carbon dioxide emoyeni. Izityalo zidinga i-carbon dioxide esemoyeni ukuze ziphile. Zikhupha i-oxygen ephefumlwa ngabantu. 

Umoya obhudlayo ngumoya olwatyuzayo.   umoya  usengangcoliswa zezinye ii-gases (ezifana ne-carbon monoxide), umsi, noamthuthu. Olu ngoliseko sesinye sezizathu zokwenzeka kwe-global warming, kuba kaloku zenza i-"greenhouse effect".

Inqwelo-ntaka isebenzisa ii-propellers ukuhambisa umoya ngaphezu kwamaphiko, ayo, atsho akwazi fbhabha. Ii-Pneumatics isebenzisa i-air pressure ukuhambisa izinto. 

Amanye amaphepha anxulumene nala. [tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  • Inqwelontaka
  • Inqwelomoya
  • Isikhululo seenqwelomoya
  • I-Air space

Ungafunda nanga amanye amaphepha[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]