User talk:Aplar

Page contents not supported in other languages.
Livela

Imbeleko lisiko lwakwaxhosa elithi lwenzelwe umntana osemncinci obelekwayo yiyo nalento kusithiwa yimbeleko. Kodwa ngoku kwelixesha siphila kulo abantu sebeyenza ngokungawakhathaleli amasiko wethu xa umntu asenoku xhelelwa imbeleko xa esoluka okanye ukuba yintombi uxhelelwa sesenza intonjane lonto ke ibe ingavumelani nesiko eliyi mbeleko. Into abayaziyo abantu xa begula kungona befuna ukwenza imbeleko. Imbeko liseko nothi isithethe xa injalo ke inyanzelekile ukuba umntu ayenze kuba xa engayenzi akazuba nentlantla ebomi

Umncuku kukutya okwakuqheleke utyiwa ngalamaxesha akudala amaxesha endlala. Xa usenza umncuku upheka umphokoqo namarhiwu uwandubele uzokwazi ufumana umncuku. Uncuku ubufana nokwenziwa komvubo kodwa umvubo ke wenziwa ngamasi ibe umncuku esenziwa ngamarhiwu. Amarhiwu ke wona enziwa ngesidudu esidala usidibanise nesintsha emva koko ulinde iyure ezimbalwa xa ebila uthatha isihluzo uwahluze emva koko uphinde ulide iyure noba inye ade abile xa sele ebilile angatyeka. Umphokoqo ke wona ubilisa abanzi emva koko ungalile ityiwa uphinde ungalele umgubo xa uzamisa uzamisa ngefolokhwe kwenzele anganqini kanje ngepapa.

Amasiko nezithethe[Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Isiko lwahlukile kunesithethe,isiko yinto ekunyanzelekileyo ukuba yenze nokuba awuthandi kuba uba awuyenzi usenofunyanwa zizingulo. Isithethe yinto uthi uzithandele ukuba uyenze ayinyanzelekanga kaloku apha emhlabeni kukho izinto esiye sifune ukuzibonakalisa ngayo ukuba ungumntu onjani nanxa ufuna uhlonitshwa ngabantu uziveza nezithethe ukuba wena unemali. Xa ndithetha ngamasiko ndithetha ngezinto ezifana nembeleko,intonjane,isizathu izila nolwaluko. Xa ndithetha ngezithethe ndithetha ngotyilo litye,itheko,ixhowa kunye noxhelela imoto zakho. Amasiko ke awukwazi uwabaleke noba ungayaphi kuyafana kuba kufuneke enziwe nguwe.