User:Vulindlela40

Livela

Camagwini mz'oNtsundu, bantwana bethongo neenkosi zomthomnyama.

NdinguAyanda elokuzalwa, ndizalelwe eBhede yaseWhittlesea eMpuma Koloni. NdinguJwarha ozalwa yintombi yasebeSuthwini kooBhayi emaMvulaneni.

NdinguVulindlela elethongo.

Ndicela nityebise ngomlandu wamaJwarha, endikwaziyo okuncinci naku: uNkosiyamntu wazala oonyana abathathu. Amagama abo yayinguJwarha inkulu, elandelwa nguTshawe iphelo inguCirha.

Kwathi kwakufika ixesha lokubabela ilifa wabathuma bayokuzingela. Owabambisayo yaba nguTshawe, baze ubukhosi banikwa yena.......

Makhe ndizinqule ngoko kuncinci ndikwaziyo:

Mtika, Mazaleni, Ntingana, Khonwana, Khathide, Mayarha, Jwarh' elimnyama neenkomo zalo!