User:AELNNP

Livela


Albertina Nontsikelelo Sisulu

Umsebenzi wakhe wezopolitiko[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

USisulu akazange abonakalise mdla kwipolitiki ekuqaleni, ehamba iintlanganiso zombuso kuba wayexhasa uWalter, kodwa ke waphela engena kuzo ezopolitiko wada wangenela i-African National Congress Women’s League (ANCWL) ngomnyaka we-1955 ekwathabatha nenxaxheba ekupapashweni kwe-Freedom Charter kwa ngaloo nyaka. USisulu nguye kuphela umntu obhinqileyo owayekho ukuqalwa kwe-ANC Youth League (ANCYL). USisulu wathi wabalilo nelungu elibekekileyo le-Federation of South African Women ngomnyaka we-1959. Ngomhla we-9 kweyeThupha ngomnyaka we-1956, wadibana noHelen Joseph kunye noSophia Williams-De Bruyn xa babematsha namanye amanina angama-20 000 esiya kwii-Union Buildings zasePitoli, eqhankqalaza esilwa norhulumente wengcinezelo, owayefuna amabhinqa aphathe amapasi njengenxalenye yemithetho yamapasi. “Sathi, ‘nothing doing’. Asisokuze siphathe mapasi thina.” Lo mhla ukhunjulwa ngokubhiyozelwa eMzantsi Afrika njengomhla wamanina obizwa ngokuba yiNational Women’s Day. Wachitha iiveki ezintathu eluvalelweni phambi kokuba akhululwe etyaleni lamapasi, inguNelson Mandela igqwetha lakhe. USisulu wayechasene nezifundo ezazibekelwe abantu abantsundu, ukutsho oko iBantu Education, eqhuba izikolo ekhayeni. USisulu waye wabanjwa emveni kokuba umyeni wakhe waqhwesha eluvalelweni ukuze azimele ngomnyaka we-1963, waba ngowokuqala owasetyhini ukubanjwa phantsi koMthetho wePalamente Wokulungiswa Kwemithetho Jikelele womnyaka we-1963 owabekwa ngokusesikweni ngenyanga kaCanzibe. Lo mthetho wanika amapolisa amandla okuba abambe aze avalele abarhanelwa iintsuku ezingama-90 ngaphandle kokubabeka ityala. uSisulu wafakwa eluvalelweni ixesha elisondele kwiinyanga ezimbini kwade kwangosuku lwesithandathu (6) kwinyanga yeThupha. Wayengena ephuma ke eluvalelweni ngenxa yemisebenzi yezopolitiko awayeyenza, kodwa uqhubeke waxhathisa ekuchaseni ingcinezelo, nangona wayegxothiwe iminyaka emininzi ngexesha leminyaka yama-1960. Waye kwanguye nomncedisi-mphathi we-United Democratic Front (UDF) ngeminyaka yama-1980. Ukususela ngomnyaka wama-1984 ukuyotsho kumnyaka wama-1989 wokubulawa komyeni wakhe, uSisulu wasebenzela uGqirha obalaseleyo onguAbu Baker Asvat nowathi wamvumela ukuba aqhubekeke ngemisebenzi yakhe yezopolitiko logama esamsebenzela, kwaye wayekhona mhla alandulelayo eli uGqirha uAbu Baker Asvat. USisulu wayebubona kwaye ebuthatha ubudlelwane babo njengobo bomama nonyana wakhe, kwaye esi sibini asizange sibuvumele ubutshaba oba buphakathi kwe-UDF ne-Azapo uAsvat owayenguNobhala Wezempilo kwanelungu elingumsunguli wayo, ukuba luphazamise ubuhlobo babo okanye ubudlelwane bokusebenza kwabo ndaweninye. Ngomnyaka wama-1986 wathi wawongwa ngobumi bembeko baseReggio nell’Emilia eseItaly, nekwayidoluphu yokuqala ehlabathini eyathi yawonga eli bhaso libaluleke kangaka kuSisulu. Ngomnyaka wama-1984 wakwazi ukufumana ipaspoti waze wakhokela igqiza le-UDF kumazwe aphesheya apho wathi wadibana nePrime Minister yaseNgilane uMargaret Thatcher kwakunye noMongameli waseMelika uGeorge H.W. Bush. Ngethuba eseNgilane waba sisithethi kwintlangano enkulu yokuchasa ingcinezelo, eyayiqhankqalezela utyelelo lukamongameli we-National Party u-FW De Klerk. Ngonyaka wama-1994, waye wonyulwa kwiPalamente yokuqala yentando yesininzi apho wakhonza isizwe wade wabe uthatha umhlala-phantsi emva kweminyaka emine esebenza. Kwintlanganiso yokuqala yePalamente, wabanembeko yokonyula uNelson Mandela njengoMongameli waseMzantsi Afrika. Ngaloo nyaka wathi wafumana iwonga ngebhaso ela lisuka kowayenguMongameli ngoko uNelson Mandela.

Imisebenzi yakhe ekuhlaleni[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Into engapha kweminyaka engamashumi-amahlanu (50), uSisulu wazinikela kwi-The Albertina Sisulu Foundation, esebenzela ukuphucula ubomi babantwana abancinci nabantu abadala. Waye wawongwa ngembeko ngegalelo lakhe ekulweni ingcinezelo kwakunye nomsebenzi wakhe wobuntlalo-ntle, xa i-World Peace Council eseBasel eSwitzerland yayimonyula njngoMongameli ukususela ngomnyaka wama-1993 ukuyotsho kowama-1996. Wathi wakhangela wafumana oomongikazi ukuba baye eTanzania, ukuze bathathe indawo yoomongikazi baseNgilane abathi bahamba emva kokuba iTanzania izuze inkululeko yayo. Abamongikazi baseMzantsi Afrika kwanyanzeleka bathutyeleziswe ukuphuma eMzantsi Afrika ukuya kutsho eBotswana, apho bakhwela khona iinqwelo-moya ukuya kufika eTanzania. IAlbertina Sisulu Multipurpose Resource Centre (ASC), ethiywe ngaye uAlbertina Sisulu, yathi yamiswa kwanguye. Yathi yamiswa phantsi kwemiqondiso emihle yeAlbertina Sisulu Foundation nelumanyano olungenangeniso olwasekwa lusapho lakwaSisulu. Kwiiveki ezidlula ezo, uAlbertina Sisulu noMandela bathi bavula iWalter Sisulu Peadiatric Cardiac Centre for Africa, eGoli, ethiyelwe umyeni wakhe owalandulelayo eli. Wathi wabangumphathiswa weli ziko wanceda ekunyuseni ingxowa-mali yalo. USisulu nosapho lwakhe babengabahlali baseOrlando West eSoweto eseMzantsi Afrika ngexesha eyayimiswa ngayo. UNkosikazi uSisulu uzibonele ngqo inkqubela yentlalo apho usapho lakwaSisulu lalihlala khona, indawo eswele iinkonzo zoluntu kakhulu nekwajongene nemiqobo emikhulu, wazinikela ekudambiseni ubunzima obukhoyo ekuhlaleni. IAlbertina Sisulu Multipurpose Resource Centre (ASC) inikezela ngezinkonzo zilandelayo: • Isikolo sabantwana abaneemfuno ezizodwa-iingxaki zengqondo ezinzima kakhulu nezinganzimanga kakhulu-isikolo sezixhobo. • I-Early Childhood Development Centre yabafundi abaneminyaka emithathu ukubheka phambili. • Icandelo labantu abatsha abakhubazekileyo abasele bephumile esikolweni, elisekwe ngenjongo yokubanika izakhono ezinokubabangela baqesheke kwaye babengabathabathi-nxaxheba kuqoqosho lwelizwe. • Inkqubo yesondlo ukukhawulelana nabo bamkela kancinci. • Iholo yasekuhlaleni eneenjongo ezininzi okanye esetyenziselwa izinto ezininzi. • Inkqubo yokufikelela kubantu abazidingo zahlukahlukeneyo ekuhlaleni jikelele, ingengabo kuphela abaza kweli ziko.

Impikiswano[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ngomnyaka wama-1997, wabizwa phambi kwe-Truth and Reconciliation Commission, eyamiswa ukuze incede abantu baseMzantsi Afrika ukuba bajamelane kwaye baxolele imbali yabo ebuhlungu. USisulu wangqina phambi kwekhomishini ngeMandela United Football Club, iqela elayamaniswa nowayesakuba ngunkosikazi kaMandela ngoko uWinnie Madikizela-Mandela, elalityholwa ngokugrogrisa iSoweto ngeminyaka yama-1980. Wathi watyholwa ngokuzama ukukhusela uMadikizela-Mandela ngexesha lezingxoxo, kodwa ubungqina bakhe babucacile. Wathi uyakholwa ukuba eliqela iMandela United Football Club latshisa indlu yakhe kuba wakhupha ezinye zezizalwane zakhe ezincinci kweliqela. Wathi wangqina kwakhona ngokuva isithonga sompu esabulala umntu awayesebenza naye, ugqirha waseSoweto ukufa kwakhe okwayamaniswa neliqela. uSisulu, umongikazi kwikliniki yalo gqirha, wathi babenobudlelwane obunjengobo nina nonyana okanye umama nonyana wakhe.

Ukufa kwakhe[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

USisulu wasutywa kukufa ngesiquphe kwikhaya lakhe eliseLinden, eGoli, eneminyaka engama-92 ngomhla wesi-2 kweyeSilimela ngomnyaka wama-2011 ngezithuba zentsimbi yesibhozo ngokuhlwa, ebukele umabonakude nabazukulwana bakhe. Ngokwengxelo zeendaba, wathi wagula ngesiquphe, ekhohlela igazi, kwaye naboncedo lokuqala abathi bakhawuleza bafika kwindawo yexhwayelo abazange bakwazi ukumnceda. Ngexesha lokusutywa kwakhe kukufa, wayeshiya ngasemva abantwana abahlanu, uMax, uMlungisi, UZwelakhe, uLindiwe, noNonkululeko, abatshana bakhe abamkelweyo uGerald noBeryl, kwakunye nabazukulwana abangama-26 kwakunye nesizukulwana esithathu. Usapho lwakhe lwadandalazisa ukuxheleka kwabo emphefumlweni ngexesha lokusweleka kwakhe, kodwa bathi bayathuthuzeleka kukwazi ukuba yena nomyeni wakhe weminyaka engama-59 bakunye kwakhona ngaphandle kwamathandabuzo. UMongameli uJacob Zuma unike imbeko kuMa Sisulu ngexesha lokusutywa kwakhe kukufa. “UMama Sisulu uthe ekuhambeni kweminyaka akaba yintsika kusapho lakwaSisulu kuphela, kodwa nakubo bonke ebebekwintshukumo yokulwela inkululeko, njengokuba ebebondla, ebanika iingcebiso, esonga kwaye efundisa uninzi lweenkokheli nabasunguli boMzantsi Afrika wentando yesininzi”, utshilo uZuma. Ukwenze isaziso sokuba uSisulu uya kuthi afumane umngcwabo waseburhulumenteni, kwaye iiflegi zesizwe ziyakubhajiswa isiqingatha ukususela ngomhla we-4 kweyeSilimela ide ibe lusuku lomngcwabo.

Izikhundla[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Uye wangumncedisi-mongameli wesizwe we-United Democratic Front akuqalweni kwayo ngomnyaka wama-1983. Emva kwexeshana, uye wazimanya njengelungu ne-ANC Women’s League, kwaye wonyulwa njeongosekela-mongameli, kwaye ngomnyaka wama-1994 uye walilungu lePalamente phambi kokuthatha umhlala-phantsi ngomnyaka wama-1998. Ilungu- Federation of South African Women, South Africa Sector: Community (1954-2011) Unondyebo- Women’s League, African National Congress, South Africa Sector: Government & Public Administration (1959-1990)