Uphando lobunzululwazi

Livela

Uphando lobunzululwazi yindlela ecwangcisiweyo yokuqokolela iinkcukacha zolwazi olufunekayo, noluyakuxhasa oko kunxanelwa ulwazi. Olu phando luza nolwazi kunye netheori yobunzululwazi ukuze kucaciswe ngokubanzi ngendalo kunye nezinto ezifumaneka kwihlabathi. Lwenza okokuba izinto ezinokwenziwa ngumntu zenzeke. Uphando lobunzululwazi luxhaswa ngezimali ngabo basemagunyeni ngokwaseburhulumenteni, ngemibutho enikezela ngesisa, kunye namaqela azimeleyo, kuquka neenkampani ezininzi. Uphando lobunzululwazi lungahlulwa-hlulwa lube ngamacandelo-ngamacandelo ngokwezifundo nangokuqhutywa kweentlobo zezifundo ekuphandwa kuzo. Uphando lobunzululwazi luhlelo olusetyenziswa njengesixhobo sokuhlola ubume beziko lemfundo, elinje ngezikolo zamashishini, kodwa ke abanye abantu bathi oku kuhlolwa kwala maziko akuchanekanga kwaphela, kuba izinga lomgangatho wophando kubunzululwazi akusixeleli nto ngezinga lomgangatho wokufundisa. (ezi zinto ke azihambelani ngokupheleleyo).[1]

  1. J. Scott Armstrong and Tad Sperry (1994) "Business School Prestige: Research versus Teaching" Energy & Environment 18 (2): 13–43 archived from the original on 2010-06-20 retrieved 2014-10-24