Umngqusho

Livela
Umngqusho

Umngqusho sisidlo esimnandi kakhulu esisukela pha emboneni wona uthi ekuhambeni kwexesha uchutywe emakhasini ze emveni kwexesha womiswe, xa sele womile ke ngoku uye ugalelwe entweni emgobongxo eyenziwe kakuhle ebizwa ukuba sisingqusho.

Oku kokunye kokutya okuhlonitshiweyo nokuthandwa kakhulu kwaXhosa. Xa kukho imicimbi efana nemigidi okanye ungeniso lweentombi (intonjane), oku kokona kutya kuye kuphakelwe iindwendwe nabantu bekhaya elo. Kuye kumane kukhiwa ke eso sandla kuthwe quba esingqushweni kuthathwe intsimbi kufefezwe amanzi apha emboneni, kungqushwe lo mbona ngalo ntsimbi kulapho livele khona ke ngoku igama elithi umngqusho. Zininzi ke indlela zokupheka umngqusho abanye bawuthanda umhlophe lowo ubizwa iketse abanye bawuthanda uneembotyi abanye bawuthanda une ertyisi ze kubekho abo badala bapha ezilalini bona bawuthanda unamasi. Zonke ke ezindidi zomngqusho ziluncuthu mazangwa ungavimba ixhegwazana likujongile, ndiyakuxelela.

Oomakhulu bona pha ezilalinii bawuthanda ungaqholwanga umngqusho wabo kwaye uthwe chintsi nje intwana yamafutha ngoba bakholelwa ukuba xa unamafutha amaninzi uza kubenzela izifo ezifana neswekile. Umngqusho nangona usisidlo esixatyisiweyo kwaXhosa ziinkonde neenkondekazi, abanye abantu abadala abawucacelanga umngqusho njengabantu abafundileyo ekuvame ukuba bawujongele phantsi umngqusho. Isizathu sokuwujongela phantsi umngqusho bathi "bawutye kakhulu ngexesha bekhula," kanti kwaNtu kokona kutya kunezakha mzimba. [1]

Abantu balapha eMzantsi Afrika bawuthanda kanobom umngqusho kodwa ngenxa yezinto ezithile ezongamele ilizwe lethu ezinjengemoyezulu etshintshileyo abantu abahlala ezilalini baye banxunguphale kakhulu kuba bona bathanda ukuzenzela ngokwabo umngqusho. Aba bantu bakholelwa ukuba lona wenziwe esiLungwini unencasa engamnandanga kwaphela. Le moyezulu itshintshileyo iye yenze ixesha ekufanele kulinywe ngawo umbona lingabi sisigxina njengamandulo. Bathi belindele ihlobo elinethayo nelinelanga eligqatsayo suke kutsho ukubhudla umoya kunethe nezichotho ezinenkwankca zona ke ezibulala lombona ubusaqala ukuntshula. Oku kutshintsha kwemoyezulu kwenza abantu bangakwazi ukuzenzela umngqusho abawuthandayo baphele bewuthenga. Le nto yile iye ihlise izinga lokuthandwa komngqusho.

Reference[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]