Ulwaluko

Livela
Abakhwetha (iqela labakhwetha)

Ulwaluko, ulwaluko okanye ukwaluka kukusuka ebuntwaneni ukuya ebudaleni, lisiko lamandulo lokwaluka elalisenziwa nelisenziwa ngamaXhosa nangona yayingengawo odwa , kwaye liqhele ukwenziwa eMzantsi Afrika. Eli siko ngokwesithethe lijongwa njengeziko lokufundisa, ukulungiselela ulutsha olungamadoda uxanduva lobudoda. [1] Inkwenkwe engekoluki kuthiwa yinkwenkwe, nokuba ingakanani na ubudala, kwaye ayivumelekanga ukuba ithabathe inxaxheba kwizinto zamadoda ezifana, nokuyala,ukuzeka ukukhokela isiko kunye nokubayinxalenye yeentlanganiso zezizwe. eli siko libaluleke kakhulu ekoxhonxeni indodana ukuze ifunde izinto ezininzi ukuqala ekufundeni ukuthatha uxanduva kwizinto ezisisiseko endingabalula ukondla usapho, ukugcina ikhaya, ukwandisa ikhaya [2]

  1. Hunter, M. (1979). Reaction to conquest: effects of contact with Europeans on the Pondo of South Africa (First abridged edition). Cape Town: David Philip.
  2. Kwekudee (2013). Xhosa people: South Africa's ancient people with unique traditional and cultural heritage. Blogspot.com. Retrieved 28 March 2014.