Ukutya kwamaMpondo

Livela

Amampondo ngabantu abatya ukutya kwemveli. Nangona sele zikho nje izidlo zasemlungwini nekuzezona zithathelw aphezulu zezinye iintlanga ezizalana nawo, kodwa wona akashenxi ekutyeni kwawo kwemihla-ngemihla. Ubukhulu becala amaMpondo atya imifuno kunye nombona osiliweyo ngaxeshanye. Umgubo awutyiw angamandle kwemifuno. Nantsi imizekelo yokona kutya kuxhaphakileyo emaMpondweni:

Ukutya kwamaMpondo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

iSiDudu[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

KwaXhosa isidudu saziwa njengepapa ethambileyo, edliwa kwakusasa, phambi kokuba kutyiwe ezinye izidlo. ukanti emaMpondweni, isidudu yipapa ebuqina edityaniswe nethanga. Le ke kuthiwa emaXhoseni ngumqa. Kukutya kwemihla ngemihla ke oku emaMpondweni. Xa siphekwa ke esi sidudu kunqunqwa amathanda abemaninzi kuqala aphekwe. aze athi akungathi ayavuthwa kugalelwe umgubo onganeno kakhulu kunamathanga laa aphekiweyo. Umgubo othandwa kakhulu ke ngulo ugutywa ngesandla. Yhiyo le nto ugalelwa kula mathanga engekavuthwa ngokwaneleyo, kaloku kufuneka nwo uthambe, kuthiwe ke ngoku, sibhadlile isidudu. ziyakubondwa ke zombini zide ziyondelelane. zikuloo mlilo, zitsale okwexeshana de nomgubo lo uthambele ukutyiwa. kunempilo kakhulu ke okokutya kunjalo nje kunentswane.

IsiGwampa[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Endaweni yethanga kuphekwa imifino ubukhulu becala. Ewe amabhola (amathanga asematsha) ayaphekwa nawo njenganqunqelayo. Iyakuthi isaqala nje ukubila le mifino, kugalelwe umgubo kuyo kuze kubondwe de kuyondelelane.