UZahara

Livela

Zahara (wazalwa Bulelwa Mkutukana, ngomhla we9 kweyeNkanga ngo1987 - 11 Eyo Mnga ngo2023) ngumlonjikazi ekwambhali weengoma, yimbongikazi, is a South African singer-songwriter, poet, ukwaluphawu lomzekelo wesithunya kwisibhedlele sabantwana iNelson Mandela Children's Hospital. Waqala ukucula kwikwayala yasesikolweni sakhe eneminyaka emithandathu qwaba ubudala, waza wathi xa aminyaka iluthoba ubudala wayalelwa ukuba acule kwikwayala yabadala ngenxa yelizwi lakhe elivakala ligqamile.

Ngo2011 uZahara wakhupha icwecwe lakhe lodumo elithi Loliwe, elabonakalisa yimpumelelo enkulu; yaba kwizinga leplatinum kwiintsuku nje ezili-13 laza lalatyuza emva nje kweentsuku ezili-17 laba sele likwizinha ledouble platinum, lathisa ngaphaya kwama100,000 eekopi eMzantsi Afrika. Umboniso wengoma yakhe yodumo, "uLoliwe", ufunxe i-1.3 yezigidi zabaphulaphuli ngokuboniswe kwi YouTube. Ngomhla woku-1 kwinyanga kaCanzibe ngo2012, kumnyhadala wonyaka wokunikezelwa kweembasa owawubizwa ngokuba yiSouth African Music Awards, uZahara waphumelela iimbasa ezisibhozo, kuquka eyelona gcisa langasegoqweni i"Best Female Artist" nobhazabhaza wecwecwe lonyaka i"Album of the Year". phambi kwezi mbasa, kwagqabhuka ingxwabangxwaba ngosasazo malunga nobume bezezimali zakhe ezaziphethwe gwenxa ngabashicileli benkampani yakhe. Inkampani yakhe yoshicilelo i-TS, yazikhaba ngawo omane ezo zityholo.

Early life[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Igama lakhe leenkobe uZahara nguBulelwa Mkutukana wakumatyotyombe asePhumlani cebu nje ngaphandle kweMonti eMpuma Koloni, eMzantsi Afrika, apho wayehlala khona kunye nabazali bakhe uNokhaya kunye noMlamli Mkutukana. ungumntana wesithandathu kwabasixhenxe. walubonakalisa uthando lwakhe lomculo eseneminyaka emi-6 kuphela ezelwe. Waqala ukutsala amehlo abantu mhla wachongwa ukuba akhokhele iqela lomculo wesikolo secawa ePhumlani. Igama lakhe leqonga lithetha ukuthi "Intyantyambo edubulayo"; njengomntwana wayesaziwa ngegama lakhe lesiteketiso elithi Spinach.

Ubizo lwakhe njengemvumi[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Umculo wakhe ubekwa kwicandelo le"Afrosoul" kwaye ucula ngolwimi lwakhe lweenkobe, isiXhosa, nagesiNgesi.[1] Iingoma zakhe bezisoloko zichazwa njengomxube wohlobo lomculo odunyiswe nguTracy Chapman, kunye noIndia.Arie.[2]

Ubhazabhaza wecwecwe lakhe lodumo uZahara elithi Loliwe lakhutshwa ngo-2011. Ukukhutshwa kwalo okokuqala laba sele lithengisile kwisithuba nje esingephi seeyure ezingama 72 likho,[1] and 19 days later, the album reached double platinum status in South Africa by surpassing the 100,000 sales mark.[3] Oku kwamenza okokuba abeyimvumi yesibini emva koBrenda Fassie, owayengumXhosa onomtsalane kakhulu, nowafikelela kweli nani ngelo xesha lifutshane kangako. UZahara wakhupha icwecwe lakhe lokuqala lomboniso bhanyabhanya (iDVD)ecula ngokungathi nguX-Factor umngeneli waseUSA LeRoy Bell. I-DVD yafikelela kumgangatho weplatinum (ngokomgangatho obekwe ngabashicileli bamacwecwe baseMzantsi Afrika) ngosuku olunye nje kuphela.

Iingoma zakhe[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Imithombo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  1. 1.0 1.1 "Zahara Sells Out In 72 Hours" MIO retrieved 18 October 2011 
  2. "Zahara is going places real fast" Sowetan retrieved 18 October 2011 
  3. "Zahara's CD flies off shelves" Sowetan archived from the original on 15 March 2019 retrieved 18 October 2011