UThandiswa Mazwayi

Livela

UThandiswa Mazwai (wazalwa ngomhla wama-31 kweyoKwindla ngo1976) yimvumi yaseMzantsi Afrika ephumelele iimbasa ngeembasa, kwaye uyimvumi ephambili ekwangumbhali weengoma weBongo Maffin.

Eselula[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

UThandiswa wazalwa ngo1976 (unyaka wovukelo mbuso eSowetho). Ubukhulu becala ukhulele eSowetho, eGoli, phakathi kuqhankqalazo olwalusilwa nocalucalulo olwalunzima ngeminyaka yoo1980. Abazali bakhe bobabini babeziintatheli bekwangamatsha ntliziyo ayesilwa nocalucalulo, usakhumbula okokuba ikhaya lakhe lalisoloko ligcwele ziincwadi, ngamaphepha, likwafuthwe ziingxoxo zopolitiko. Ziimeko ezi lolu hlobo ke awathi wakhulela phantsi kwazo nezamtsho wanombono wokuba leli gcisa lomculo. Uqhubele phambili wayakufunda kwiDyunivesithi yaseWits apho wafunda khona izifundo ngoncwadi lwesiNgesi kunye nobudlelwane nehlabathi. Waafuthwa yimisebenzi kanina (owasweleka eselula uthandiswa) nayimibhalo yabantu abafana noo Steve Biko kunye noFrantz Fanon, uChinua Achebe noKwame Nkrumah.