UGautam Buddha

Livela
Umfanekiso oqingqiweyo kaBuddha

-UGautam Buddha nguSiddhārtha Gautam, umntu owaqala inkolo yeBuddhism. Wadla amazimba ukususela kumnyaka we 1944 BC ukuya kumnyama we 1864 BC.[1] Ukwabizwa ngokuba nguSakyamuni okanye uTathāgat.

Iminyaka yobutsha bakhe[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

USiddhārtha Gautama(Sidaaha) wazalelwa kubukumkani bamaKapilvastu eNepal. Kunamhlanje nej le ndawo yokuzalwa kwakhe kuthiwa yiLumbini, eNepal. Ngelo xesha, isiduko esithi Shakya's sasilawula amaKapilvastu. Uyise wayeyikumkani eyayibizwa ngokuba nguSuddodana Tharu, kwaye unina wayeyinzwakazi uMahamaya.[1] USiddhārtha wayephila impilo etofotofo; uyise engafuni ngxaki nakusebenza nzima kufuphi nonyana wakhe. Isiprofetho sabona okokuba ukuba uSiddhārtha angahlala ngaphakathi kwibhotwe lakhe ubomi bakhe bonke, uyakuba yikumkani egqibeleleyo. Kodwa ukuba ukhe walishiya ibhotwe, uyakuba yinkokheli eqgibeleleyo kwenzenkolo. Ikumkani The kinayizange ifune okokuba unyana wayo abe yinkokheli yezenkolo. Wamgcina ke uSiddhartha ehleli bhotwe bonke ubomi bakhe bobuntwana.

Uthe apha ekukhuleni kwakhe, uyise wambonela intombi uSiddhārtha ukuba ayenze inkosikazi yakhe xa aminyaka ili-16. Waza ke wanenkosikazi egama layo linguYashodhara,[2] baza banonyana, uRahul.[3] Nangoma uGautama wayenayo yonke into ayifunayo, wayengonwabanga. wayefuna ukufunda ngentsingiselo yokubakho kwakhe emhlabeni.

Wasuka waphuma apho kwelo bhotwe ngaphandle kwemvume kayise. Wabona "izithunzi ezine zigqitha": indoda endala eyayisisiqhwala, indoda egulayo, indoda ebhubhileyo, kunye nendoda engcwele engenakhaya. kulapho kanye uGautama waqala waqonda khona okokuba akukho nto inokumnqanda umntu ukuba angazalwa, angabimdala, angaguli, nokuba angafi. Wenza isigqibo sokokuba anikele ngobomi bakhe basemhlabeni. akazange ayigcine inkosikazi yakhe, abantwana bakhe, ubutyebi bakhe kwibhotwe. Wayeyakuba yindoda engcwele engenakhaya. Wayezakufuna impendulo kwingxaki yokuzalwa, ukuguga, ukugula, nokufa. Walishiya ikhaya lakhe ezinzulwini zobusuku.

  1. 1.0 1.1 "Buddhists celebrate birth of Gautama Buddha" A&E Television Networks retrieved 4 July 2010 
  2. "Yashodhara (wife of Buddha)" britannica retrieved 4 July 2010 
  3. "Rahula -— The Son of the Enlightened One" BuddhaNet retrieved 4 July 2010