U-Thuli Madonsela

Livela

U-Thulisile "Thuli" Nomkhosi Madonsela, oligqwetha elingungondo-ngqondo nochwepheshe kwezamalungelo oluntu. Ukwangumkhuseli wabemi beli. Wayengomnye weengcaphephe owathi wancedisa kumagqibela kankqoyi oqhulunkqo lomgaqo siseko loMzantsi Afrika kwiminyaka yoo1994-5.

Ngowaphi[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Wazalelwa eGoli ngomnyaka ka1962 waza wakhulela eSowetho. Izalwa ngubani le nzwakazi? Uzalwa nguBafana, uyise kunye nonina uNomasonto,abantu ababephila ngesirhoxwana sabo sokuthengisa. Ucawa phi? U-Thuli NgumSabatha wacawe yamaSabatha ezinze eSowetho.

Ubizo lwakhe ngokwasenkonzweni/ngokwemisebenzi yakhe ayifundeleyo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

UThuli wangena emsebenzini njengetitshalakazi kwiminyaka yoo-1980. Uthe esuka apho wazibandakanya nemisebenzi yeemanyano njengomcebisi kwiManyano kaZwelonke yee-Printers kunye neeManyano zabasebenzi. -

Imisebenzi adume ngayo njengegqwetha nomkhuseli woluntu[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ukuqala kwakhe ngo-2012, uMadonsela uqwalasele isikrokro sokokuba kungahle kuthi kanti inkuntyula yemali yabarhafi iphambukiselwe ngokungekho mthethweni ekuhlawuleleni iindleko zezinto zika Mongameli waseMzantsi Afrika, uJacob Zuma, kwakunye nokwakhiwa kwe"Zumaville", eqikelelwa kwisizumbulu semali engangama-206 ezigidi zeerandi. Kwangaloo nyaka ka-2012, uye wenza uphando ngamahumhum athi uJulius Malema unyengezelwe isinyamfu semali ngamaqhinga athi aphekwa kumsebenzi wexeshana webunjineli owathi wakhutshwa kwisebe lezothutho, waza wanikwa umnntu ekwakucingeleka okokuba ungaphandle kweli sebe.