Thornhill Ntabethemba

Livela
Thornhill Village

Thornhill yilali ephantsi komaspala wasek'hlaleni iEnoch Mgijima kwisithili iChris Hani District Municipality kwiphondo leMpuma Koloni eMzantsi Afrika. Ngaphambi konyaka ka 1994 lelali yayiphantsi kwe Ciskei Homeland. IThornhill yeyona lali inkulu eNtabethemba

Imbali[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ngonyaka ka 1976 abantu abaqikelelwa kuma 30000-50000 bafuduka kwiilali ezinga 23 eSterkspruit nase Herschel besiya kumhlaba ekwakungekho-nto iThornhill. Esinye sezizathu esabangela ukuba lenginginya ifuduke yayikukuba kwakungekho mhlaba owaneleyo, kukho ukhukhuliseko lomhlaba kwaye kwakukho abantu abaninzi eHerschel.

Ngaphambi kokuba abantu bafudukele eThornhill bathenjiswa nguMnu Uys ukuba bazak'fumana umhlaba ochumilyo, izindlu kunye namaziko empilo, kodwa bathi xa befika eThornhill akwabikho nenye yezizinto, ntonje bafika kugxunyekwe iintente nezazingabonelanga. Imeko zabanzima kakhulu kwiinyanga zok'qala, kungekho zindlu kwaye nemfuyo yafa ngenxa yokungondleki. Ngenyanga ka Januwari 1977 kwabakho iingxelo zokuba iintsana ezilishumi ziswelekile kodwa nangona kunjalo abantu baqhubeka behlala kulendawo.[1]

Ubuyekezo lomhlaba[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Thornhill

Ngonyaka ka 2013 usekela mphathiswa wophuhliso lwamaphandle nobuyekezo lomhlaba umama uPamela Tshwete wanikezela nge R390 million kubantu abangama 3043 base Ntabethemba. Kwisiqingatha sokuqala kwakhutshwa imali engama R137 345 350,59, umzi ngamnye kwimizi engama 1071 yafumana i R128 240,29. Abantu abaxhamlayo kulemali bahlala kwilali zase Ntabethemba eziquka iMerino Walk, Thornhill, Mitford, Baclesfarm, Tentergate, Thembalethu, Rockland's, Zola, Phakamisa, Ikhwezi, kunye nase Congca[2]

Imfundo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ezizikolo zifumaneka kulelali:

•Inyathi High School

•Thornvale Primary School

•Nonzwakazi Primary

•Mthombo-wesizwe Primary School

•Hlalethembeni Primary School

Amavundle Senior Secondary School

Uqoqosho[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Lelali izinze phakathi kwe Komani ne Tarkastad. Lelali ixhomekeke kwezidolophu ngenkonzo kwaye zombini ezidolophu zidlala indima ekuveliseni imisebenzi. Kodwa ngenxa yenani labantu abafumaneka kule lali imisebenzi kunzima ukuba ifumaneke , lonto iqhubela ekunyuseni inani lolwaphulo mthetho kunye nezinga lokuphila elisezantsi kakhulu

LO

Imithombo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  1. a b "The Implications of Freedom: The changing role of land sector NGOs in a transforming South Africa (Politics and Economics in Africa) (v. 6)"
  2. http://www.gov.za/deputy-minister-hands-over-r390-million-restitution-award-thornhill-tarkastad