Robben Island

Livela
(Redirected from Robben island)

Isiqithi sekapa "Robben Island" (isiBhulu: Robbeneiland) sekapa sifumaneka kwi khilomitha ezi sixhenxe ukusuka kwintsona kungxweme lwase Bloubergstrand, kulwendle IAtlantic Ocean ,kwiphondo lweNtsona koloni eMzantsi Afrika. Esi sisiqithi esiyimbalasane kakhulu kwilizwe loMzantsi Afrika nezwekazi iAfrika iphela.Sisiqithi esiyimitsi embalwa umphakamo phezu kolwandle iAtlantic ocean.

Ngonyaka wama 1999 esisixeko saziswa ngoku sesikweni njenge ziko lezobugcisa nekcubeko kwiphondo lentshona koloni asiqulathe imbali yelizwe loMzantsi Afrika kwaye sibuyisa inkumbulo ngekqubo yocalucalulo nempumelelo yorhulumente wentando yesininzi. Ikumphakamo weemitha ezingamashumi mathathu phezu kolwa ndle. Esi sixeko sasi setyenziswa njenge ntilongo nendawo yokugcina abantu ababhukuqa umbuso ixesha elide, kunye nesibhedlele sengqondo. Esi siqithi sibe liziko lezinto ezininzi ukususela ngowama 1600 ukufika komkhosi wamaBhulu ngethuba lika Jan van Riebeck owayekhokela umkhosi wamakholoniyali ikwangumntu wokuqala ukuzinza kwesi siqithi. I-Robben Island le luphawuoludumileyo ehlabathini

Kulapho amaqhawe esizwe ekuquka utata uNelson Mandela, Oliver Tambo, Robert Sobukwe nabanye ngethuba loRhulumente wengcinezelo. Kalapho amatshantliziyo awayesilwisana noRhulumente ayebanjwa aze agcinwe khona iminyaka. Ukususela kumawaka alishumi elinesixhenxe eminyaka irobben island isetyenziswa njenge ndawo yokugcina amabanjwa ayamene nezopolitiko.Urhulumente wamaAmaBhulu wayevalela khona amabanjwa ezombuso nezigila mkhuba.

Amanye amaqhawe esizwe awayebanjwe esiqithini[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Robert Sobukwe[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

URobert Mangaliso Sobukwe wayengumqambi nenkokheli yombutho iPAC elasekwa ngo wama1959. Ngomhla wama21 kweyekwindla ngowama1960 wayengumququzeleli wekqubo eyayisilwa nokusetyenziswa kwamaPasi. Kulapho wathi wabanjwa wayokuvalelwa eRobben Island iminyaka emithathu emva komthetho owathi wasekwa ngethuba eselivalelweni sandiswa isigwebo yayiminyaka emithandathu. Wayevalelwa kwisisele esisekhusini engavumelekanga ukuba athethe nabantu [1]

Imithombo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]