Itafile

Livela
Itafile kunye nezihlalo, ngaphakathi
Itafile kunye neebhentshini zangaphandle

Itafile lolunye uhlobo lwefenitshala olumphezulu wayo usisibaca noxhaswa ngemilenze emibini  nangaphezulu. Sibeka izinto phezu kwetafile, sidla ngokuzibeka ezi zinto okwexeshana phezu kwale tafile,  umzekelo, ukutya kunye neemela nee-folokhwe, njalo njalo. ngexesha lesidlo, iikomotyi ekuzakuselwa ngazo, iincwadi,  imephu, ukubhala iphepha xa kubhalwa, kunye kunye nezinto zokudlala.  

Sikwabeka izinto phezu kwetafile ixesha elide, umzekelo, i-TV, ikhompyutha okanye izihlobisi (izinto ezintle). Sidla ngokubeka ilaphu phezu kwetafile, isibanca ngaphezulu.  Zikho iindlela ezisesikweni ekubekwa ngayo ilaphu, iimela neefolokhwe kunye nokutya phezu kwetafile yezidlo. 

Singazenza ezinye iitafile zibenkulu, umzekelo, ngokuthi sitsale umphezulu wayo uphokele ngaphandle. Ukanti singazisonga ezinye iitafile ukuze zikwazi ukulayishwa zihanjiswe ngcono,  umzekelo xa kusiyiwa  enkampini. Kukwakho neetafile ezincinci koololiwe kunye neenqwelo-moya esinokuzisonga okanye sizivule. Ezinye iitafile ezi-round ziza no-Lazy Susan. Le yintwana yokhuni oluwjikeleza ndawonye  kwisizikithi setafile. Itafile esetyenziswa xa kuphunyiwe ibizwa ngokuba yitafile ye-picnic.[1]

Ngokwesithethe, iitafile e-Japan, e-chabudai, ziphantsi, ngamanye amaxesha iba ziitafile ezi-round, zenzelwe iti nokutya.

Igama lombutho wehlabathi i-Mensa isuka kwigama letafile elingesi-Latin.

Imithombo[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  1. Black & Decker The Complete Guide to Outdoor Carpentry (Minneapolis, MN: Creative Pub.