Inyoka

Livela

Iinyoka zizilwanyana ezirhubuluzayo. ziyinxalenye yeyosapho lweSquamata. Azinamilenze, azinalizwi, azinandlebe, zingenaso nesikhumba sokuvala amehlo. Nangona kunjalo, iinyoka zizilwanyana ezinempumelelo enkulu phakathi kwezilwanyana ezitya ezinye, zineentsapho ezingama-20, nezinye ezingama500 kunye nama-and 3,400 eentlobo ntlobo zeenyoka.[1][2]

Zinemizimba emide nebhityileyo, [3] kwaye, zingenamilenze zinjalo, zinendlela yazo ezihamba ngayo kunjalo nje zihamba kakhulu. Uninzi lwazo luhlala kwitropics. Zimbalwa kakhulu iinyoka ezihlala ngaphaya kweTropic of Cancer okanye iTropic of Capricorn, lunye kuphela uhlobo, yiviper eqhelekileyo i(Vipera berus) ehlala ngaphaya kweArctic Circle. Isikhuma sayo sogqunywe ngoqweqwe. [3] Zibona akuhle, kunjalo nje ziyakwazi ukuva ivumba ngolwimi lwazo ngokuthi ziman'ukulikhuphela ngaphandle ziphinde zilungenise ngaphakathi. Azidibani ke nokungcangcazela komhlaba.

Nangona zingenalizwi, ziyaswesweza. Inkoliso yazo zihlala emhlabeni, ezinye zihlala emanzini, ezimbalwa zihlala ngaphantsi komhlaba. Njengazo zonke izilwanyana ezirhubuluzayo, iinyoka zifuna ubushushu belanga ukuze zikwazi ukulawula ubushushu bemizimba yazo. Yiyi le nto iinyoka ezininzi zihlala kubushushu obunomoya ofumileyo bakwingingqi yetropical kwihlabathi. [4]

Ukukhangela[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  1. Template:ITIS
  2. snake species list at the Reptile Database. Accessed 22 May 2012.
  3. 3.0 3.1 "snake (reptile) -- Britannica Online Encyclopedia" britannica.com retrieved 4 May 2010 
  4. "Snake facts" antiguanracer.org archived from the original on 6 January 2010 retrieved 4 May 2010