Intombi - Umbongo kaYako

Livela

Apha kulo mbongo uthi 'Intombi', umbhali ubabaza ekwabonisa ukubaluleka kwentombi ngokwentlalo yasemaXhoseni. Kaloku intombi ilibhongo lekhaya layo, kuba iyakuthi yakukhula yende, kutsho kungene iinkomo, obona butyebu bomnt'ontsundu. Nokokuba angalihlwempu kangakanani na, de abonakale engento emehlweni abantu, kodwa xa ezele intombi uyabaluleka kakhulu. Umbhali usebenzisa iinyosi ukubonisa indlela ahlutshwa ngayo ngabantu ngokuman'ukungqubeka kuye kuba bebona umfazi kule ntombi yakhe. Umbhali uqgibela ngokusibonisa okokuba akungawo onke amantombazana abazintombi. Intombi yona iyakuhlala inyulu igcine ubuntombi bayo. Ukwahlaba nekhwelo kwaabo bakhulisa intombi ngokuthi bayikhulise ngokufanelekileyo.

Libhongo lekhaya,
Abantu bokwandis'izibaya;
Ngokwesiko lasendaleni,
Ngokwentlalo yasemaXhoseni.
Umnt'ozel'intombi,
Akakwenza ngakumbi,
Ikhaya lakhe lidliwa ziinyosi.
Abant'abafun'ubukhozi.
Unina akalali,
Ngabafana belali,
Bezingela le ntyatyambo,
umntwana webhongo.
Uyathandwa kub'uyimvumi,
Ezakulotyolwa ngeenkom'ezilishumi.
Uyathandwa kub'ukhuthele
Ihlwempu ungaze ulidele.
Loze lizal'inzwakazi,
Uthi, nawe x'ufun'umfazi;
Uphath'intong'uyekucel'ubuhlobo,
Kumzi wehlwempu elingenamhlobo.
Lide libenegama,
Nalo ngokuzama,
Ziinkomo zekhazi,
zentombi eyinzwakazi.
Ethe yazigcina nyulu,
Eyona mbunguzulu;
Kubantu basendaleni,
Kukugcin'umntwan'esempilweni.