Intaba yomgaqosiseko

Livela

Imbali[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

The courtroom of the Constitutional Court of South Africa

Intaba Yomgaqosiseko isekelwe kwisitrato se 11 Kotze Goli eBraamfontein. Isecaleni kwase Hillbrow.Umgaqo siseko sisihlalo senkundla yomgaqo siseko waseMzantsi Afrika.Indluli ngaphambili yayiyi ndawo yeqaba eyathi kamva yasetyenziswa njengentolongo.Indawo yase Old FORT prison yaziwa ngokuba yinombolo yesine.Intolongolo yasekuqaleni yakhiwele ukuhlala amabanjwa amhlophe angamadoda ngo 1892.I-Old Fort yakhiwa kule ntolongo ngu paul kruger ukusukela kunyaka ka we 1899 ukukhusela iriphabliki yase Mzantsi Afrika kwisongelo lokuhlasela kwe Britheyini.Emva kwexesha iinkokheli zemvazwe ze Anglo-Boer zavalelwa apha yi Britheyini.Intolongo yase Old Fort exesheni yandiswa ukuba ibandakanye iseli 'zemveli', ezibizwa ngokuba licandelo 4 kunye necandelo 5, kwaye,ngo1707, kongezwa labasetyhini, iGail yabasetyhini.Ibhlokhi yokulinda enlindelekileyo yakhiwa ngowe 1920s.Zombini izishoshovu zopolitiko ezazichasene nocalucalulo kunye nezikrelemnqa eziqhelekileyo zabanjwa kule ntolongo,kwathi ngo 1907, 1913 nangowe 1922 kwabanjwa abamhlophe.Ngexesha localucalulo,indawo yokubanjwa yabaphikisi abachasene nocalucalulo ngo 1907.I-1913 kunye ne 1922 ezo zithathwa njenge 'anti-kuanzisha'kunye nabo baphule imithetho nje yelo xesha.UMahatma Gandhi wavalelwa apha ngo 1906.UNelson Mandela, uJoe Slovo, uBram Fischer, uRobert Sobukwe kunye no Albert Luthuli ngamanye amabanjwa lawo adumileyo.Ngesi sizathu ikwabizwa ngokuba yi'Robben Island' yase Rhawutini ngenxa yokubamba amabanjwa azopolitiko.Indawo yayihlala amabanjwa kwaze kwangowe 1983, xa kwakuvalelwa amatshantliziyo yayihlala ibanjwa ilinde amabanjwa aze athyunyelwe eRobben Island okanye ePitoli ukuya ejele.[1]

Ukuqhekeza ibhiya ngumsebenzi ongekho emthethweni ukuba umnyama kuba ubeka abantu basetyhini ejele,imeko eboniswe kwi Women Gaol.Ukanti abanye babanjwa besabelana ngesondo ngaphaya komqobo wombala okanye ngokwesini esifanayo.Phakathi kwezinto ebezixeliwe ngexesha lovalelwa, umdaniso ohlazisayo 'Tauza', ukubetha kwetyala elinegama elingu 4 lamadoda amnyama, ukuvalelwa iinyanga ezintandathu kwiindawo ezimdaka, kwiindawo ezixineneyo, kwindawo yokulinda ityala, okanye ukukhuthuzwa ngaphantsi kunye nesidima saba bakwi Gaol yabasetyhini.I-Old Fort yabhengezwa njengelitye lesizwe ngo-1964 nangona yaqhubeka njengejele elisebenzayo de kwangowe-1987, emva koko izakhiwo kunye nendawo yonke zathwaxwa kukumgakhathalelwa nokonaliswa.Umgaqo siseko Hill wavula iingcingo zawo njengemyusiyamu ngonyaka ka-2004, ukhenketho luthatha iindwendwe kwiimyuziyamu ezintathu zentolongo, iNombolo yesine, iGaol yabasetyhinikunye ne-Old Fort.Esi siza sibonisa inkundla yomgaqo-siseko kunye nokuqokelelwa kwenkundla yemisebenzi yobugcisa yaseMzantsi Afrika engama-200. [2]

Idangatye Lentando Yesininzi

Umlilo ovutha amalongotye kwindawo yomgaqo-siseko eRhawutini, eMzantsi Afrika.Ngaphandle kweminyango yamaplanga yesakhiwo senkundla, embindini weplaza kwaye eyakhelwe kwelinye lamanqwanqwa wentolongo endala yiLanganye Ledemokhrasi.Umlilo waqaqanjelwa nge-10 ka-Disemba ngo-2011 xa uMzantsi Afrika ubhiyozela isikhumbuzo seminyaka eli-15 yokutyikitywa komgaqo siseko.[3]

Ireferensi[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

  1. https://www.constitutionhill.org.za/
  2. https://www.portfoliocollection.com/visit/constitution-hill
  3. https://sahistory.org.za/place/constitution-hill-museum#targetText=Constitution%20Hill%20is%20a%20living,the%20rights%20of%20all%20citizens.