Iinwele

Livela
Ziinde, iinwele ezimdaka ngombala

Iinwele yinto ekhula apha esikhumbeni sezilwanyana. Iinwele zezilwanyana zibabuboya. Iigusha kunye neebhokhwe zinoboya obujijeneyo, obusoloko bubizwa ngokuba yiwulu. iinwele zenziwe ngekeratin. IiKeratin ziiproteini.

Abantu kunye nenxalenye yezinye izilwanyana zilahlekelwe buboya bazoobuninzi ngenxa ye evolution, kwaye ezinye izilwanyana, ezifana neemfene kunye newhale, ziphantse zingabizinabo kwaphela.

Imisebenzi yeenwele[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Uboya benkunzi yengonyama bunemisebenzi emininzi

Iinwele zinganemisebenzi emininzi:[1]

  • Inganceda kakhulu ukukhusela ukuhamba kobushushu emzimbeni. Yinto ebekusoloko kucingwa okokuba ngowona msebenzi weenwele. [2][3]
  • zikhusela kwiUV imitha yelanga, eyonakalisa isikhumba.
  • ziyakhusela xa kusina imvula nasemanzini. Amanzi achaphazela eboyeni, okanye ioyile ingaputyuzwa sisikhumba. Zombini ezi ndlela zinqanda imvula okanye amanzi ukuba angakwazi ukugodolisa umzimba. Izilwanyana zeAquatic ezihlala emanzini abandayo zinamafutha abekeleleneyo phantsi kwesikhumba, zibe zingenakwaboya.

Iinwele zobuxoki[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Ezi zilwanyana, umzekelo, izinambuzane ezithile kunye nezigcawu zisoloko zineenwele. Kodwa akuzizo iinwele zokwenyani, yimisebe nje. Iinwele ezifumaneka kwizityalo ezithile nazo akuzonwele ncam, kodwa ziitrichomes.

Iinwele zomntu[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Indoda neenwele zayo entloko, ebusweni, nasemzimbeni.

Ebantwini, iinwele zikhula entloko ubukhulu becala, kwaye isixa seenwele zomzimba sahlukile kuhlanga nohlanga. AmaAsia kunye namaMelika emveli asemantla aneenwelana apha emzimbeni, ngeli lixa wona amaCaucasia ethanda ukuba neenwele ezininzi.[4]

Umbala weenwele[tshintsha | Yenza izilungiso kokubhaliweyo]

Umbala weenwele ugqithiswa ngabazali kuphela. Iinwele zemveli ziyafuzwa kuphela. yinto engenakufane yenzeke into yokokuba ubenebala leenwele ongalifumananga ngokufuza abazali bakho bobabini umama notata wakho. Oku kuxhomekeke kwiimbewu zofuzo ezithwalwa ngabazali ezongameleyo nakwezamkelayo. Le mbewu isenokungabi ngumbala weenwele zabo, kodwa ke, abantu abaninzi bathwala imbewu yofuzo eyamkelayo kwaye ayinampawu zibonakalayo.

Ukudaya iinwele kukutshintsha ibala lazo. Ukudaya kudidiyelwe ngomxube weekhemikhali mxube lowo ukwaziyo ukutshintsha ibala leenwele ngenxa yentshukumo eyenziwa zezikhemikhali. Abantu abaninzi badaya iinwele zabo kuba befuna ukufihla izimvu zabo. Unobangela woko kukuba uninzi lwabantu lubaneenwele ezingwevu ngokuya besiba badala.

  1. "Archive copy" archived from the original on 2017-03-30 retrieved 2015-03-24 
  2. http://www.scientificamerican.com/article.cfm?id=why-do-humans-get-goosebu
  3. "Archive copy" archived from the original on 2015-03-20 retrieved 2015-03-24 
  4. http://www.belgraviacentre.com/blog/hair-types-and-race-differences/